Seal of the Church in the Province of Southern Africa The Book of Common Prayer
United States England Scotland Ireland Wales Canada World

    The Book of Common Prayer (1662)
in Xhosa

 

IMITANDAZO NEMIBULELO

YAMAXESHA ATILE.

Eyokutetwa pambi kwemitandazo emibini yokugqibela ye-Litani, okunye eyom-Tandazo wa-Kusasa nowango-Kuhlwa.


IMITANDAZO.

 

Prayers and Thanksgivings
upon several Occasions

 

Prayers

 

Owokucela imvula.

TIXO, Bawo wisezulWini, obatembisileyo ngo-Yesu Kristu u-Nyana wako bonke ababufunayo ubukumkani bako nobulungisa babo, ukuba uyakubapà zonke izinto zokuxàsa umzimba; Sikangele tina basweleyo, usitumele imvula eyanelisayo, isizuzise iziqàmo zomhlaba, size sonwabe tina, nawe sikudumise; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

For Rain
Owokucela ukuqabuka kwezulu.

NKOSI, Tixo Somandla, owati ngenxa yezono zabantu wawuntywilisela umhlaba wonke, kwasinda abantu abasibòzo kwakupèla, waza watembisa ngofefe lwako olukulu ukuba akusayikubuye wenjenjalo ukuwutshabalalisa; Siyakutandaza ngolulamo, nakuba sisifaneleyo isibeto semvula ngenxa yezono zetu, namhla siguquka nje sinyanisile, yiti, ukulizolisa kwako izulu, wenzele ukuba sizuze iziqàmo zomhlaba ngexesha lazo, siti ngokusohlwaya kwako sikulungise ukuhlala kwetu, sikudumise ngenxa yenceba yako enkulu; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

For fair Weather
Ngexesha lendlala.

TIXO, Bawo wasezUlwini, Wena onisa imvula, kucume umhlaba, kwande impahla ehambayo nentlanzi; Kangela inxwàleko yabantu bako, uyiguqule, siyakutandaza, lentswelo siyiviswayo ngenxa yezono zetu, ibe yindyebo eyaneleyo; ngenxa yokusitanda kwake u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu, omelwe kudunyiswa nawe no-Moya Oyingcwele, kaloku nangonapakade. Amen.

Okunye lo.

TIXO, Bawo Onetaru, owati e-Samariya ngexesha lika-Elisha um-profite waguqula ngesiqupe indlala yaba yindyebo; Yiba netaru kuti sohlwaywayo ugelixesha ngento ekwanjalo ngenxa yezono zetu, sisizwe nguwe kamsinya: Zicùmise iziqàmo zomhlaba ngentsikelelo yako, wenze ukuba siti, ukuyipàta kwetu londyebo, sidumise Wena, sibasize abasweleyo, sonwabe nati ngokwetu; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

In Time of Dearth & Famine
Ngexesha lemfazwe nelezipitipiti.

TIXO Somandla, Kumkani wokumkani, Mlauli wento zonke, omandla angenakucàswa bani, kokwako ukohlwaya, kokwako ukuba netaru; Sisindise siyakutandaza, ezintshabeni zetu; litobe iratshi lazo, uludambise ulunya lwazo, uwadubadube amacebo azo; size siti, sixòtyiswe nguwe, sigciniwe ezingozini zonke, sidumise Wena, Meyisi wentshaba, ngenxa yemfaneleko yokupèla ko-Nyana wako, u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

In Time of War & Tumults
Ngexesha lesifo esibùbìsayo.

TIXO Somandla, owati ngengqumbo yako watumela isifo esibùbìsayo ebantwini bako besentlango ngenxa yokungeva kwabo, bevukelene no-Moses no-Arone, wati kananjalo ngexa lika-Davide wabulala amawaka amashumi asixènxe kwa ngesibeto, wabuya wasikwa yimfesane, wabasindisa abaseleyo; Yiba netaru kuti, tina boni balusizi, esihlelwe sisifo esiibùbìsayo; uti, njengokuba wasamkelayo isizi, wayiyalela i-Ngelosi etshabalalisayo ukuba mayiyeke ukohlwaya kwayo, wenjenjalo nakaloku, usikwèlelise esisibeto sisigqibayo; ngayeu-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

In Time of any common Plague or Sickness 

Imitandazo eyakutetwa imihla ngemihla ngecawa ezikutiwa zeze-"Ember," yokutandazela abazakwamkelelwa kwindidi zobufundisi.

TIXO Somandla, Bawo wasezulwini, ozitengeleyo i-Kerike ekulo lonke ngegazi elinqabileyo lo-Nyana. wako; Yikangele ngetaru lako; uti ngelixesha walatise ulaule intliziyo zabakonzi bako, o-Bishop na-Balusi bomhlambi wako, bangabeki izandla namnye umntu ngobunxàmo; bakwazi kanye ukunyula amadoda afanele ubukonzi obungcwele be-Kerike yako. Nabo bayakumiselwa lonkonzo ingcwele bapè ufefe nentsikelelo yako yasezulwini, bati ngentlalo nangemfundiso yabo bahonakalise udumo lwako, bahambise usindiso lwahantu bonke; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

Okunye lo.

TIXO Somandla, Mniki wazo zonke izipò ezilungiileyo, ote ngokwazelelela kwako wamisa indidi ngendidi zabafundisi e-Kerikeni yako; Bapè ufefe, siyakukùnga ngolulamo, bonke abayakubizelwa emisebenzini etile, bazalise ngenyaniso yemfundiso yako, ubambese ngobumsulwa, bakukonze ngokunyanisekileyo, kuze kudunyiswe i-Gama lako elikulu, kuncedwe i-Kerike yakoengcwele; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

In the Ember Weeks, for those to be admitted to Holy Orders

Umtandazo ongatetwayo emva kwayo yonke eyanduleleyo.

TIXO, ekukokwako ukuba netaru noxolelo, zamkele izicelo zetu; Yiti, nakuba sinxityiwe sabotshelelwa ngemixokelelwane yezono zetu, usikùlule ngenxa yosizi lwako olukulu; kudunyiswe u-Yesu Kristu u-Mlamleli no-Mteteleli wetu. Amen.
 

Prayer that may be said after any of the former 

Lomtandazwana ulandelayo, wokutandazela i-Ruluneli, okunye oyibambeleyo, ngowokwenziwa nxa i-Litani ingamiselwanga ukuba itetwe.

TIXO Somandla, ekuvela kuwe. lonke igunya; Siyakutandaza ngolulamo ukuba ugcine ukùsele isicaka sako i-Ruluneli yelilizwe [okunye, i-Ruluneli yelilizwe ebambeleyo], ize iti yona ikokelwe bubulumko bako basezulwini ilisebenzise elogunya ilinikiweyo, isoyika Wena, ukuze kudunyiswe i-Gama lako elingcwele; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

Lomtandazo ulandelayo ngowokutetwa nxa i-Palamente ihlangeneyo.

TIXO Sobubele, siyakukùnga ngolulamo sitandazela elilizwe lonke, ngokukodwa abamisi-mteto abahlangeneyo ngoku; bakokele bapumelele ezintetweni zabo, kuze kwandiswe udumo lwako, kuncedwe i-Kerike yako, bonwabe abantu; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.]
 

These next two prayers are unique to this translation, and appear to substitute for the Prayer for Parliament.

Umtandazo wokutandazela zonke intlobo zabantu, wokwenziwa nxa i-Litani ingamiselwanga ukuba itetwe.

TIXO, Mdali no-Mgcini woluntu; sitanazela zonke intlobo zabantu; ukuba uzazise indlela zako, nosindiso,lwako olupilisayo kuzo zonke izizwe. Ngokungakumbi sitandazela i-Kerike eyi-Katolika, ukuba ikokelwe ilaulwe ngu-Moya wako, ukuze bati bonke abatì bangama-Kristu bangeniswe endleleni yenyaniso, baze bayibambe. i-Nkolo ngantliziyonye, bemanyene ngoxolo, behleli ngobulungisa. Ngokugqibela, sibayaleza ebubeleni bako, Bawo, bonke abantliziyo zikatazekileyo, nabafayo, nabahleli kakubi [* ngakumbì abo hacelelwa imitandazo yetu], uti elowo umsize kweyake inxwaleko, akwazi ukunyamezela imbandezelo, ude umpumelelise ebunzimeni bake. Sitsho sicela ngenxa ka-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

Collect or Prayer for all Conditions of Men.

* Lendawo mayitetwe nxa kukò abacela imitandazo ye-Ntlanganiso.

 

Lomtand.azo wokutandazela ukwandiswa kobukumkani buka-Kristu ungatetwa neminye imi-Tandazo nemi-Bulelo nxa atandayo u-Mfundisi.

TIXO, owenze ngagazi nye zonke intlanga zabantu ukuba zihlale emhlabeni, nowatuma u-Nyana wako ukushumayela uxolo kwabo bakude nakwabakufupi: Yenza ukuba bonke abantu belilizwe bakufune bade bakufumane, ukàulezise ukuzaliseka kwesitembiso sako, ugalele u-Moya wako kubo bonke abantu; kwa ngaye u-Nyana wako lowo u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu, ohleli elaula nawe kwa no-Moya lowo, emnye u-Tixo, ngonapakade. Amen.

Umtandazo wokutetwa emwa kwalowo utandazela aba-Fundisi nabantu, em-Tandazweni wa-Kusasa nowango-Kuhlwa, nasem-Tendelekweni, ngexesha i-"Synod" ihlangeneyo.

TIXO Somandla, Ongunapakade, omtumileyo u-Moya Oyingcwele, u-Mteteleli, ukuba abe soloko ehleli e-Kerikeni yako: Wanga angakò asikelele u-bishop [o-bishop] nabafundisi nabazalwana betu abahlanganiselwe ukucebisana e-Gameni lako; mabati beqinile elukOlweni naselutandweni bazaliswe ngokuqonda, nangobUlumko; ukuze-kudunyiswe Wena, iti i-Kerike yako ihlale. ngoxolo nangomanyano; ngaye u·Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.]


 

The following two prayers do not appear in the English original.
IMIBULELO.

Umbulelo;

TIXO Somandla, Sozibele, tina zicaka zako ezingento siyakubulela ngentliziyo elulamileyo ngokulunga kwako konke, nangobubele osenzeleyo tina nabantu bonke; [*ngakumbi aba banxàmele ukubulela izibele osand' ukubenzela zona], Siyakudumisa ngenxa yokudalwa kwetu, nokugoinwa kwetu, nangenxa yazo zonke intsikelelo zobubomi; kodwa ngakumbì ngenxa yokutanda kwako abantu, owada wabakùlula. nge-Nkosi yetu u-Yesu Ktistu; ngenxa yezipò zofefe, nangenxa yetemba lobungcwalisa, Ngamana sazigqala zonke izibele zako, intliziyo zikubulele zingazenzisi, udumo lwako singaneli ukuluvakalisa ngemilomo yodwa; koko silubonakalise nangentlalo, ngokuzinikela ekukonzeni Wena, nangokuhamba pambi kwako ngobumsulwa yonke imihla yetu; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu, omelwe kudunyiswa nawe no-Moya Oyingcwele ngonapakadi. Amen.
 

Thanksgivings

A General Thanksgiving

 

* Lendawo mayitetwe nxa ababetandazelwe bafuna ukubulela.

 

 

Owokubulela imvula,

TIXO, Bawo wasezulwini, oti ngokusigcina kwako unise eyokuqala eyamva imvula pezu komhlaba, ukuze uvelisele abantu ukudla; Siyakubulela kuba ute entswelweni yetu wayitoba imvula evuyisayo, walipilisa ilifa lako; Oko belibalele, saza sonwaba. tina zicaka zako zingento, ladunyiswa i-Gama lako elingcwele; ngenxa yezibele zako eziku-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

For Rain
Owokubulela ukuqabuka kwezulu.

NKOSI Tixo, osand' ukusohlwaya ngemfanelo ngesibeto semvulakazi enkulu, waza ngobubele bako wayikùlula wayitutuzela. imipefumlo yetu ngokuqabuka kwezulu ngexesha elililo; Siyalidumisa i-Gama lako elingcwele ngenxa yobububele bako, siyakuhlala siyixela inceba yako kuzo zonke izizukulwana; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

For fair Weather
Owokubulela indyebo.

BAWO onetaro elikulu, ote ngobubele bako wayiva imitandazo yentliziyo ye-Kerike yako, wayiguqula indlala yayindyebo; Siyakubulela ngolulamo ngenxa yalendyebo yako; sikukùnga ukuba uhlale usenzela inceba, ukuze umhlaba wetu usivelisele iziqàmo zokucùma kwawo; kudunyiswe Wena, nati sonwabe; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

For Plenty
Owokubulela ukuxola kwelizwe, nokusindiswa ezintshabeni.

TIXO Somandla, oyinqaba eqinileyo yokusindisa izicaka zako ezintshabeni; Siyakubonga sikubulela ngenxa yokusindiswa kwetu ezingozini ezinkulu ebezisiraule; Siyavuma ukuba kungenxa yenceba yako kuti lento singanikelwanga sibe lixòba lazo; sikutandaza ukuba uhlal' usenjenjalo; ukusisiza, ukuze lonke ihlabati lazi ukuba nguwe u-Msindisi no-Mhlanguli wetu onamandla; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

For Peace & Deliverance from our Enemies
Owokubulela ukuxola pakati kwamakaya.

TIXO ongunapakade, Bawo wasezulwini, okupèla kowenza ukuba abantu bahlalisane ngoxolo, otoba ubuncwangu babanxaxàyo; Siyalidumisa i-Gama lako elingcwele kuba wavumayo ukuzidambisa izipitipiti ezisand' ukubakò pakati kwetu; sikutandaza ngolulamo ukuba usisize, siti ukususela koku sihambe ngokuyipulapula imiteto yako; size siti sihleli ngoxolo nangokonwaba, ekoyikeni Wena, nasekulungiseni konke, singayeki ukukunikela amadini etu endumiso nombulelo ngenxa yobubele bako; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

For restoring public Peace at Home
Owokubulela ukusindiswa ezifeni ezibùbìsayo.

NKOSI Tixo, owasibetayo ngenxa yezono zetu, Wasigqibela ngenxa yezipòso zetu ngokokohlwaya kwako okunzima, okoyikekayo, okusand' ukubakò; wabuya wati namhla, nakuba usigweba, akwalibala ukuba netaru, wayihlangula imipefumlo yetu emlonyeni wokufa; Sizinikela kuwe, Bawo, imipefumlo nemizimba yetu oyisindisileyo, ibe lidini elipilileyo, sihlale sidumisa izibele zako e-Kerikeni yako; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

Okunye lo.

SIYAVUMA ngolulamo sipambi kwako, Bawo Onetaru, ukuba zonke izohlwayo esisongelwa ngazo emtetweni wako bezingafanelayo ukusiwela, ngenxa yezipòso zetu ezininzi, nobulukuni bentliziyo; Sinikela kuwe, Tixo, idini lendumiso nombulelo, sibonile nje ukuba ute, sakuba sizitobile, wasidambisa isifo esisulelayo esisand' ukubetwa ngaso, wabuyisela akupila emizini yetu; Siyalibonga silidumise i-Gama lako elikulu, kuba usigcinile wasilondoloza; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

For delivrance from the Plague, or other common Sickness

 

Return to the 1662 Book of Common Prayer in Xhosa

Web author: Charles Wohlers U. S. EnglandScotlandIrelandWalesCanadaWorld