Seal of the Church in the Province of Southern Africa The Book of Common Prayer
United States England Scotland Ireland Wales Canada World

    The Book of Common Prayer (1662)
in Xhosa

 

I-LITANI.

Kulandel' apa i-LITANI, engumtandazo wokutandazela izimo zonke, eti iculwe, okunye itetwe, emva kom-Tandazo wa-Kusasa ngemihla ye-Cawa, ngolwesi-Tatu, nangolwesi-Hlanu, nangamanye amaxesha kwakutshiwo ngu-Bishop.

TIXO Yise, wasezulwini: yiba netaru kuti boni balusizi.
   Tixo Yise, wasezulwini: yiba netaru kuti boni balusizi.
    Tixo Nyana, Mkùluli wabantu: yiba netaru kuti boni balusizi.
    Tixo Nyana, Mkùluli wabantu: yiba netaru kuti boni balusizi.
    Tixo Moya Oyingcwele, opuma ku-Yise naku-Nyana: yiba netaru kuti boni balusizi.
    Tixo Moya Oyingcwele, opuma ku-Yise naku-Nyana: yiba netaru kuti boni balusizi.
    Mtriniti Oyingcwele, Oncomekayo, Odumileyo, Ommilo zintatu zingu-Tixo omnye: yiba netaru kuti boni balusizi.
    Mtriniti Oyingcwele, Oncomekayo, Odumileyo, Ommilo zintatu zingu-Tixo omnye: yiba netaru kuti boni balusizi.
    Ungazikumbuli, Nkosi, izono zetu nezono zobawo; ungazipindezeleli: sinyamezele, Nkosi elungileyo, banyamezele abantu bako obakùluleyo ngegazi lako elinqabileyo, ungasiqumbeli ngonapakade.
Sinyamezele, Nkosi elungileyo.
    Kwinkohlakalo nobubi bonke; kwisono, kumaqinga nokulwa kuka-Satana; kumsindo wako, nokugwetywa okungunapakade,
Sisindise, Nkosi.
    Kubumfama bentliziyo; kwiratshi, uqàyiso, nohanahaniso; kumona, intiyo, nenzondo, nakulo lonke ulunya,
Sisindise, Nkosi.
    Kubureletyo, naso sonke esinye isono esibulalayo; nakuzo zonke inkohliso zomhlaba, ezomzimba, nezika-Satana,
Sisindise, Nkosi.
The Litany
    Kumbane noqwìtela; kwizibeto, nezifo ezisulelayo, nendlala; [kwinkumbi, isifo sempahla, nokubalela kwelanga;] kwimfazwe nokubulalana, nokufa ngebàqo,
Sisindise, Nkosi.
    Kuko konke ukunceteza, nokuvukelana nenkosi zetu, kwimfundiso zobuxoki, nokuzikètela kwezokòlo, noqèkeko; kubulukuni bentliziyo, nokudela i-Lizwi nemi-Teto yako,
Sisindise, Nkosi.
    Ngokwenziwa kwako ube ngumntu okuyimfihlakalo; ngoku-Zalwa kwako okungcwele, nokw-Aluswa kwako; ngoku-Baptizwa kwako, ngoku-Zila noku-Hendwa kwako,
Sisindise, Nkosi.
    Ngazo i-Ntlungu zako noku-Bilakwako igazi; ngo-Mnqamlezo wako, noku-Va kwako ubunzima; ngoku-Fa noku-Ncwàtywa kwako; ngoku-Vuka kwako, noku-Nyuka kwako; nangokuhla ko-Moya Oyingcwele,
Sisindise, Nkosi.
    Ngalo lonke ixesha lokubandezelwa kwetu; ngalo lonke ixesha lempumelelo; ngelixa lokufa, nangomhla womgwebo,
Sisindise, Nkosi.
    Tina boni siyakukùnga ukuba usive, Nkosi Tixo; nokuba uyipàte uyilaule i-Kerike yako engcwele eyi-Katolika, ukuze ihambe ngendlela eyiyo;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Ugcine umntu wako u-GEORGE, u-Kumkani wetu, umomeleze ekukonzeni wena, ahlale ngentlalo engcwele;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Ulaule intliziyo yake enkolweni yako, ekukoyikeni, nasekukutandeni, ahlale etembela kuwe, ezamela ukuba kudunyiswe wena;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Umlondoloze umkùsele, aze azoyise zonke intshaba zake ;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Umsikelele ugcine u-Kumkanikazi wetu u-Elizabeth, u-Mary u-Nina wo-Kumkani, in Kosazana u-Elizabeth;
Unga ungasiva, Nkosi.
The section in brackets appears to be an addition to the text in this translation.
    [Usikelele ugcine umntu wako i-Ruluneli yelilizwe, umkokele ngobulumko bako basezulwini;
Unga ungasiva, Nkosi.]
    Bakanyisele bonke o-Bishop, naba-Priste, nama-Dikoni, balazi baliqonde i-Lizwi lako; bati ngentshumayelo nangentlalo yabo balivakalise balibonakalise;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Wambese onke amapakati nezikulu ngobubele, ngobulumko, nangengqondo;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Ubasikelele ubagcine bonke abatet' amatyala, ukuze balungise ukugweba, bayimele inyaniso;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Ubasikelele ubagcine bonke abantu bako;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Yenza intlanga zonke zibe nokumanyana, noxolo, nokutandana;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Sipè intliziyo eyakukutanda ikoyike, size sinonelele ukuhamba ngemiteto yako;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Yongezelela kubantu bako ufefe lwako, balive ilizwi lako, balamkele ngokulitanda, bavelise iziqàmo zo-Moya wako;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Ngenisa endleleni yenyaniso ama-Islam, nabangakòlwayo belilizwe, nabo bonke abapambukileyo nabalahlekisiweyo;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Bomeleze abemiyo, ubatutuzele ubasize abandiziyo zibutataka; ubapakamise abawileyo; uti ukugqibela umkàhlele pantsi kwenyawo zetu u-Satana;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Bavelele, ubasize, ubatutuzele bemke abasengozini, nabasweleyo, nababandezelweyo;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Bagcine bonke abahamba emhlabeni naselwandle, bonke abafazi abafikelwa yinimba yokuzala, abagulayo, nabantwana abancinane; ubavele bonke ababanjwa nabatinjiweyo.
Unga ungasiva, Nkosi.
    Zicòle inkedama, nabahlolokazi, uzincede intsizana nababandezelweyo;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Yiba netaru kubantu bonke;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Zixolele intshaba zetu, nabasitshutshisayo, nabasihlebayo, ubaguqule intliziyo;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Sipè usigcinele iziqàmo zomhlaba, size sizamkele ngexesha, lazo;
Unga ungasiva, Nkosi.
    Sipè uguquko oluyinene, usixolele zonke izono zetu, ukuyekelela nokungazi kwetu; usambese ngofefe lo-Moya wako Oyingcwele size silungise ukuhlala kwetu ngokwelizwi lako;
Unga ungasiva, Nkosi.

Nyana ka-Tixo: unga ungasiva.
    Nyana ka-Tixo: unga ungasiva.
Mvana ka-Tixo: esusa izono zelizwe;
    Sipè uxolo lwoko.
Mvana ka-Tixo: esusa izono zelizwe;
    Taru!

Siye, Kristu.
    Sive, Kristu
Taru, Nkosi.
    Toru, Nkosi.
Taru, Kristu.
    Toru, Kristu.
Taru, Nkosi.
    Taru, Nkosi.
 

The section in brackets is an addition to the text unique to this translation.

Kwandul' ukutetwa um-Tandazo we-Nkosi ngum-Priste nabantu.

BAWO wetu osezulwini, Malingcwaliswe i-Gama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, Njengokuba isenziwa ezulwini. Sipè namhla-nje isonka setu semihla ngemihla. Usixolele izono zetu, Njengokuba nati sibaxolela abasonayo. Ungasingenisi ekuhendweni; Usisindise enkohlakalweni. Amen.
    Um-Priste. Nkosi, ungasipàti ngokufanele izono zetu.
    Abantu. Ungasivuzi ngokufanele inkohlakalo yetu.

Masitandaze.

TIXO, Bawo Onetaru, ongakudeliyo ukugula kwentliziyo ehlabekileyo, nezicelo zabanosizi; Yincedise imitandazo yetu esiyibèkisa kuwe sakuhlelwa zinkatazo nengxaikeko; usive ngobubele bako, buti, ngokulondoloza kwako, obobubi esenzelwa bona ngamaqinga nobulumko buka-Satana nobabantu butshatyalaliswe nguwe, wena Liso libonayo; size siti tina bantu bako, singenziwanga nto zezontshutshiso, sihlale sibulela kuwe e-Kerikeni yako engcwele; ngaYe u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu.
    Pakama, Nkosi, ube luncedo lwetu, usikùlule ngenxa ye-Gama lako.
    Tixo, siyile ngendlebe, obawo basixelele imisebenzi emikulu owayenzayo ngemihla yakudala bengekabiko bona.
    Pakama, Nkosi, ube luncedo lwetu, usikùlule ngenxa yodumo lwako.
    Udumo ku-Yise, naku-Nyana: naku-Moya Oyingcwele;
    Abantu. Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.
    Sikùsele ezintsha beni zetu, Kristu.
        Ubukangele ngobubele ubunzima betu.
    Zikangele ngemfesane intsizi zentliziyo zetu.
        Uzixolele ngetaru izono zabantu bako.
    Nceda uyive ngenceba imitandazo yetu.
        Taru, Nyana ka-Davide.
    Siye, Kristu, ube soloko usiva,
        Sive ngobubele, Kristu, usive ngobubele, Nkosi, Kristu.
    Um-Priste. Nkosi, itaru lako malibonakaliswe pezu kwetu.
    Abantu. Njengokuba sitembele kuwe.

Masitandaze.

SIYAKUTANDAZA, Bawo, ngolulamo, ukuba ubukangele ngetaru ubulwelwe betu: uti ngenxa yodumo lwe-Gama lako ubunqande kuti bonke ububi esimelwe ukuviswa bona; usincede ukuba siti ezinkatazweni zonke, sibeke lonke itemba letu kulo itaru lako, sihlale sikukonza simsulwa singcwele, ukuze kuhlonelwe kudunyiswe wena; ngenxa yo-Mlamleli no-Mteteleli wetu emnye, u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

Lord's Prayer
Umtandazo ka-Krisostome.

TIXO Somandla, osipìleyo ufefe ukuba siti ngantliziyonye siyisingisele kuwe imitandazo yetu; nositembisayo ukuba woti, kwakubutana babini, batatu, e-Gameni lako, ubenzele izicelo zabo; Zenze kaloku, Nkosi, izicelo zezicaka zako, njengoko kulungele zona; usipe kwelilizwe ukuyazi inyaniso yako, nakwelizayo ubomi obungunapakade. Amen.

2 Kwabase-Korinte xiii.

UFEFE lwe-Nkosi yetu u-Yesu Kristu, notando luka-Tixo, nobudlelane bo-Moya Oyingcwele, malube nati sonke ngonapakade. Amen.

Ipèla apa i-Litani.

Prayer of St. Chrysostom

 

Return to the 1662 Book of Common Prayer in Xhosa

Web author: Charles Wohlers U. S. EnglandScotlandIrelandWalesCanadaWorld