Seal of the Church in the Province of Southern Africa The Book of Common Prayer
United States England Scotland Ireland Wales Canada World

    The Book of Common Prayer (1662)
in Xhosa

 

UMTANDAZO WAKUSASA
WEMIHLA NGEMIHLA.


Ekuqaleni kom-Tandazo wa-Kusasa. u-Mfundisi makafunde ngezwi elivakalayo sibe sinye nokuba kungapezulu kwezi-Zahlukwana. Andul' ukuteta okubàliweyo emva kwazo.

UMNTU okohlakeleyo akuguquka enkohiakalweni yake ayeuzileyo, enze ngokomteto nokulungileyo, wowusindisa umpefumlo wake.    U-Hezekeli xviii. 27.      
    Ndiyazivuma izigqito zam, isono sam sihleli sipambi kwam.    I-Ndumiso li. 3.
    Sitelisa ubuso bako ezonweni zam, ubucime bonke ubugwenxa bam.    I-Ndumiso li. 9.
    Amadini ka-Tixo ngumoya owapùkileyo: intliziyo eyapùkileyo etymkileyo akuyikuyidela, Tixo.    I-Ndumiso li. 17.     
    Razulani intliziyo. zenu, ingabi zingubo zenu, nibuyele e-Nkosini u-Tixo wenu: kuba enofefe, enemfesane yena, equmba kade, enenceba enkulu, ezohlwaya ngenxa yobubi.    U-Yoweli ii.13.
    E-Nkosini u-Tixo wetu yimfesane· noxolelo, nakuba simonile: asipulapulanga izwi le-Nkosi u-Tixo wetu, ukuba sihambe ngemiyalelo yake ayibeke pambi kwetu.    U-Daniyeli ix. 9, 10.
    Nkosi, kodwa makube ngokomteto, kungabi ngomsindo wako, hleze unditshabise.    U-Yeremiya x. 24. I-Ndumiso vi.1.
    Guqukani, kuba ubukumkani bezulu busondele.    U-Mateyu Ongcwele iii. 2.
    Ndiyakusuka ndiye kubawo, nditì kuye, Bawo, ndonile kulo izulu nasemehlweni ako, andisafanele kubizwa ngokutiwa ndingupyana wako.    U-Luka Ongcwele xv. 18, 19.
    Zungasisi ematyaleni isieaka sako, Nkosi; ngokuba pambi kwako akukò namnye uhleliyo olilungisa.    I-Ndumiso cxliii. 2.
    Ukuba. sitì asinasono siyazilahlekisa, inyaniso ayikò kutì: ukuba siyazixela izono, unokutembeka elilungisa lokusixole1a izono, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.     1 Ka-Yohane Ongcwele i. 8, 9.

BATANDWA, kutìwa ezi-Bàlweni kwindawo ngendawomasivume sizixele izono zetu ezininzi nenkohlakalo yetu; singazifihli ku-Tio u-Somandla u-Bawo wetu wasezulwini, kodwa sizixele ngentliziyo elulamileyo, eguqukayo, evayo;. ukuze sizixolelwe ngenxa yenceba yake engapèliyo. Nangona sifanele ukuzivuma izono zetu ngolulamo pambi, ko-Tixo ngamaxesha onke, simelwe kukwenjenjalo ngokukodwa manxa sihlangeneyo size kubulela intsikelelo esizifumeneyo kuye, sivakalise udumo, lwake, silive i-Lizwi lake elingcwele, sicele okulungele umzimba nompefumlo. Nditì ngoko kuni nonke bakòyo, ndipelekeni ngentliziyo enyanisekileyo nangelizwi elibekekileyo, siye sizitobe pambi ko-Bawo onofefe, sitì sonke;
 

Morning Prayer
UkuVunywa kwezono okutetwa yintlanganiso yonke emva ko-Mfundisi, beguqile bonke.

BAWO Somandla Olufefe lukulu Sipambukile salahlekana nendlela zako njengegusha eZilahlekileyo. Sigqitisile ukulandela amaqinga neminqweno yentliziyo zetu. Siyapùle imiteto yako engcwele. Siziyekile asazenza izinto ebesifanele ukuzenza; Senza izinto ebesingafanele ukuzenza; Akukò kupila kuti. Kodwa wena; Nkosi, yiba netaru kuti tina boni balusizi. Banyamezefe; Tixo, abazixelayo izipòso zabo. Babuyisele abaguqukayo; Ngokwezitembiso zako ezishunyayelweyo ebantwini ngaye u-Kristu Yesu i-Nkosi yetu. Uz' uti, Bawo otaru likulu, wenze ngenxa yake; Okokuba siti ukususela koku, sihlale ngokumkonza u-Tixo, Ngokulungileyo, nangobuncàtu, Kuze kudunyiswe i-Gama lako elingcwele. Amen.
 

Confession
Ilizwi loku-Kululwa kwezono elitetwa ngum-Priste yedwa, emi, abantu besaguqile.

U-TIXO u-Somandla, u-Yise we-Nkosi yetu u-Yesu Kristu, ongakutandiyo ukufa komoni, kodwa otanda. ukuba aguquke enkohlakalweni yake, apile; owanika ,aba-Fundisi bake igunya nomyalelo wokushumayela ebantwini bake, beguqukile, ukukùlulwa nokuxolelwa kwezono zabo: Yena uyabaxolela abakùlule bonke abaguqukayo ngenyaniso, bekòlwa ngokwenene yi-Vangeli yake engcwele. Ngoko masimtandaze ukuba asipè inguquko eyinene nö-Moya wake Oyingcwele, ukuze oko sìkwenzayo kaloku-nje kutandeke kuye; buze ubomi betu emva koku bube msulwa, bube ngcwele; siti ekugqibeleni singene enywebeni yake yapakade; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu.

Apa abantu mabapendule ngokutì Amen, benjenjalo nasekupèleni kwayo yonke imitandazo.
 

Absolution

Andule u-Mfundisi aguqe atete um-Tandazo we-Nkosi ngezwi elivakalayo, abantu besaguqile, bawutete kunye naye apa nakuzo zonke indawo osakutetwa kuzo.

BAWU wetu osezulwini, Malingcwaliswe i-Gama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, Njengokuba isenziwa ezu1wini. Sipè namhla-nje isonka setu semihla ngemihla. Usixolele izono zetu, Njengokuba nati sibaxolela. abasonayo. Ungasingenisi ekuhendweni; Usisindise enkohlakalweni: Ngokuba ubukumkani bobako, Namandla, nodumo, Ngonapakade. Amen.

Aze ati,

    Nkosi, vula imilomo yetu.
Abantu. Ize ivakalise indumiso yako.
Um-Priste. Tixo, kàuleza ukusisindisa.
Abantu. Nkosi, kauleza ukusisiza.

Aze atì um-Priste, bemi bonke,

    Udumo ku-Yise, naku-Nyana: naku-Moya Oyingcwele;
    Abantu. Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.
    Um-Priste. Bongani i-Nkosi.
    Abantu. MalibOngwe i-Gama le-Nkosi.

Kwandul' ukutetwa, okunye kuculwe, le-Ndumiso ilandelayo: iyekwe ngomhla we-Pasika, omiselwe iculo elilimbì; nangomhla weshumi elinesitoba mayiyekwe apa, ingene kwi-Ndumiso zalomhla.
 

Lord's Prayer
I-Ndumiso xcv.

YIZANI siculele I-NKOSI: sigcobele kwiliwa losindiso lwetu.
   Masize pambi kwayo sinombulelo: sigcobele kuyo ngamaculo.
    Ngokuba I-NKOSI ingu-Tixo omkulu: ingu-Kumkani omkulu pezu kwabo bonke otixo.
    Inzulu zomhlaba zisesandleni sake: nencopo zentaba zezake.
    Ulwandle lolwake, walwenza: nezandla zake zawubumba umhlaba owomileyo.
    Yizani masiqubude siwe pantsi: siguqe pambi kwe-NKOSI u-Mdali wetu.
    Ngokuba ngu-Tixo wetu yena: tina singabaluswa nguye, sizigusha zesandla sake.
    Namhla,ukuba ninokuliva izwi lake! Musan' ukuzenza lukuni intliziyo zenu: njengomhla wempikiswano, mini nandilingayo entlango.
    Oko bandilingayo oyihlo: bandicikida, bewubona umsebenzi wam.
    Iminyaka emashumi mane ndaruquka sesisiZukulwana, ndatì: Ngabantu abapambukayo ngentliziyc, abazazi indlela zam.
    Ndada ndafunga ndinomsihdo, ndatì: Abasayikungena ekupumleni kwam.
    Udumo ku-Yise, naku-Nyana: naku-Moya Oyingcwele;
    Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.

Apa kulandela i-Ndumiso ngokumiswa kwazo. Ekupèleni kwe-Ndumiso zonke ngazinye kuyakutìwa,

    Udumo ku-Yise, naku-Nyana : naku-Moya Oyingcwele;
    Abantu. Kwavela kunjalo, kusenjalo, nanamhla: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.

Kwandule kufundwe ngezwi elivakolayo elicacileyo isi-Fundo sokuqala, sitatyatwe e-Testamenteni e-Ndala, ngokumiswa kwazo e-Kolendeni,. ngapandle kokuba kube kukò ezimiselwe imihla etile: ati lowo ufundayo eme ebèke ebantwini ukuze aviwe kakuhle ngabo bonke abakòyo. Kwandule kutetwe, okunye kUvunywe, imihla ngemihla i-Ngoma etì ukuqala kwayo Siyakubonga, Tixo.

Pambi kwezi-Fundo zonke: u-Mfundisi ullakutì: Isahluko esitile, okanye Isahlukwana. esitile sesahluko esitile, sencwadi etile: Ekugqibeleni kwesi-Fundo kutìwe, Sipèla apa esokuqala, okanye esesibini isi-Fundo.
 

Venite, Psalm 95

SIYAKUBONGA, Tixo : sikuvuma ukuba uyi-Nkosi
   Umhlaba wonke unqula wena: Yise wapakade.
    Zonke i-Ngelosi ziyadandulukela kuwe: amazulu, nawo onke amandla akuwo.
    I-Kerubin ne-Serafin : zihlala zidanduluka zisitì,
    Ngcwele, Ngcwele, Ngcwele: Nkosi, Tixo wemikosi.
    Lizele izulu nomhlaba: bubuqaqauli nodumo lwako.
    Ibuto elidumileyo laba-Postile : libonga wena.
    Umkosi omhle waba-Profite : ubonga wena.
    Ibandla la-Bafeli elambete ezimhlope : libonga wena.
    I-Kerike engcwele ekulo lonke : ivuma wena wedwa;
    U-Yise: obukosi bungunapakade;
    Okupela ko-Nyana wako: obekekileyo, onyanisekileyo ;
    No-Moya Oyingcwele : u-Monwabisi.
    Ungu-Ku1nkani wodumo : Wena, Kristu.
    Ungu-Nyana wapakade: ka-Yise.
    Wati wena wakuza kukitlula abantu: akwasidela isizalo se-Ntombi.
    Wati wakweyisa ulwamyila lokufa : wabuvulela onke arcakòlwa ubu-Kumkani be-Zulu.
    Uhleli ngasekunene kuka-Tixo : ebuqaqaulini buka-Yihlo.
    Siyakòlwa ukuba uyakuza : ube ngu-Mgwebi wetu.
    Siyakutandaza ngoko zincede izicaka zako : ozikUluleyo ngegazi lako elinqabe kunene.
    Zibalele enariini labangcwele bako: ebungcwaliseni obungenakupèla.
    Nkosi, sindisa abantu bako: ulisikelele ilifa lako.
    Balaule, ubapakamise: kude kube ngunapakade.
    Imihla ngelnihla : sihlala sikuncoma;
    Sinqule i-Gama lako: kude kube ngunapakade.
    Mauvume, Nkosi: ukusigcina ngalemini singabi nasono.
    Taru, Nkosi: taru, Nkosi.
    Nkosi, itaru lako malibe nati : njengokuba sitembele kuwe.
    Nkosi, nditembele kuwe: mandingaze ndidaniswe.

Okunye le-Ngoma.
 

Te Deum Laudamas

NONKE nina misebenzi ye-Nkosi, yidumiseni i-Nkosi: yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina zi-Ngelosi ze-Nkosi, yidumiseni i-Nkosi: yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina mazulu, yidumiseni i-Nkosi: yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina manzi apezu kwesibakabaka, yidumiseni i-Nkosi: yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nonke nina mandla e-Nkosi, yidumiseni i-Nkosi: yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina langa nenyanga,yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina, zinkwenkwezi zezulu, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina zimvula nombete, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise, ngonapakade.
    Nina mimoya ka-Tixo, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina mililo nobushushu, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise. ngonapakade.
    Nina busika nehlobo, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina mibete neqabaka, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina qabaka nengqele, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
vNina mkence nekèpu, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina busuku nemini, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina kukànya nobumnyama, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina mibane namafu, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Umhlaba mawuyidumise i-Nkosi : uyibonge uyipakamise ngonapakade.
    Nina zintaba nenduli, yiduniiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nonke nina zinto ziluhlaza zisemhlabeni, yidumiseni i-Nkosi: yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina mitombo, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina zilwandle nemilambo, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina minenga, nako konke okuhamba emanzini; yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nonke nina zintaka, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nonke nina zinkomo nezilo, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina lus&po lwabantu, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    O-Sirayeli mabayidumise i-Nkosi : bayibonge bayipakamise ngonapakade.
    Nina ba-priste be-Nkosi, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina zicaka ze-Nkosi, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina bomoya nemipefumlo yamalungisa, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina bangcwele nabalulamileyo ngentliziyo, yidumiseni i-Nkosi: yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Nina Ananiyasi, Azariyasi, no-Misayeli, yidumiseni i-Nkosi : yibongeni niyipakamise ngonapakade.
    Udumo ku~Yise, naku-Nyana : naku-Moya Oyingcwele;
    Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhl a: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.

Kwandul' ukufundwa isi-Fundo sesibini, sitatyatwa e-Testamenteni e Ntsha. Kulandele le-Ngoma, kodwa iyekwe nxa ifundwa esi-Fundweni salomini, nanxa ifundwa e-Vangelini ngomhla ka-Yohane u-Mbaptizi.
 

Benedicite

U-Luka Ongcwele i. 68.

MAYIDUNYISWE i-Nkosi u-Tixo ka-Sirayeli: ngokuba ubavelele abantu bake wabakùlula;
    Usipakamisele upondo losindiso : endlwini ka-Davide isicaka sake;
    Njengoko watetayo ngomlomo waba-profite bake abangcwele: ababekò kwasekuqaleni komhlaba.
    Okokuba sisindiswe ezintshabeni zetu : nasesandleni sabo bonke abasitiyayo;
    Ukubenzela inceba obawo : akùmbule umnqopiso wake ongcwele;
    Isifungo awasifungela u-Abraham ubawo wetu : sokusenzela;
    Ukuba sisindiswe esandleni sentshaba zetu : simkonze singenakoyika;
    Ngobungcwele nangohulungisa pambi kwake : yonke imihla yobomi betu.
    Nawe, mntwana, uyakubizwa ngokutìwa ungum-Profite w-Opezu konke: kuba uyakuhamba pambi kwe-Nkosi ulungise indlela zayo;
    Ukwazisa ebantwini bayo usindiso : ngokuxolelwa kwezono zabo,
    Ngenxa yemfesane netaru lika-Tixo wetu : ote ngaye wasivelela umso wapezulu;
    Ukukànyisela abahleli ebumnyameni nasetunzini lokufa : nokukokela inyawo zetu endleleni yoxolo;
    Udumo ku-Yise, naku-Nyana : naku-Moya Oyingcwele ;
    Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla : kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.

Okunye le-Ndumiso.
 

Benedictus, Luke 1:68
I-Ndumiso c.

GCOBELANI I-NKOSI, mhlaba wonke: yikonzeni I-NKOSI nivuya, nize pambi kwayo ninengoma.
    Yazini ukuba I-NKOSI ingu-Tixo yona : nguye owasenzayo, singabake tina; singabantu bake, negusha zedlelo lake.
    Ngenani emasangweni ake nibulela, ezintendelezweni zake nidumisa : bulelani kuye, nilincome i-Gama lake.
    Ngokuba I-NKOSI inomsa, itaru layo lingunapakade : ukunyaniseka kwayo kukwizizukulwana ngezizukulwana.
    Udumo ku-Yise, naku-Nyana : naku-Moya Oyingcwele;
    Kwavela kunjalo; kusenjalo nanamhla : kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.

Kuculwe, okanye kutetwe, i-Ngxelo yo-Kùlo yaba-Postite ngu-Mfundisi nabantu, bemi, ukuba ngalomini akumiselwanga eka-Athanasius.
 

Jubilate, Psalm 100
NDIYAKOLWA ku-Tixo u-Yise u-Somandla, u-Mdali wezulu nomhlaba:
    Naku-Yesu Kristu okupèla ko-Nyana wake, i-Nkosi yetu, Owakàulwa ngo-Moya Oyingcwele, Wazalwa yi-Ntombi u-Mariya, Weva ubunzima ngo-Pontiyus Pilato, Wabetelelwa emnqamlezweni, wafa, wancwàtywa, Wehlela kwelabafileyo : Wabuya wavuka kwabafileyo ngomhla wesitatu, Wenyukela ezulwini, Uhleli ngasekunene kuka-Tixo u-Yise u-Somandla; Apo ayakubuya evela kòna agwebe abahleliyo nabafileyo.
    Ndiyakòlwa ku-Moya Oyingcwele; i-Kerike engcwele eyi-Katolika; Ubudlelane babangcwele; Ukuxolelwa kwezono; Ukuvuka komzimba ekufeni; Nobomi bapakade. Amen.

Bandule baguqe bonke, kulandele lemitandazo; u-Mfundisi aqale ati, ngelizwi elivakalayo,

I-Nkosi maibe nani.
Abantu. Ibe nomoya wako.
Um-Fundisi. Masitandaze.

Taru, Nkosi.
       Taru, Kristu.
Tarn, Nkosi.

Kwandul' ukutetwa um-Tandazo we-Nkosi ngu-Mfundisi nangabantu, ngokuvakalayo.
 

Apostles' Creed

BAWU wetu osezulwini, Malingcwaliswe i-Gama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, Njengokuba isenziwa ezu1wini. Sipè namhla-nje isonka setu semihla ngemihla. Usixolele izono zetu, Njengokuba nati sibaxolela. abasonayo. Ungasingenisi ekuhendweni; Usisindise enkohlakalweni: Ngokuba ubukumkani bobako, Namandla, nodumo, Ngonapakade. Amen.

Ati um-Priste, emi,

        Nkosi, sibonise ububele bako.
    Abantu. Usipè usindiso lwako.
    Um-Priste. Nkosi, sindisa u-Kumkani.
    Abantu. Usive ngetaru sakuzibika kuwe.
    Um-Priste. Yambesa aba-Fundisi bako ngobulungisa.
    Abantu. Uvuyise abantu bako abanyuliweyo.
    Um-Priste. Nkosi, sindisa abantu bako.
    Abantu. Ulisikelele ilifa lako.
    Um-Priste. Sipè uxolo ngexesha letu, Nkosi.
    Abantu. Ngokuba kungekò wumbì usilwelayo, nguwe wedwa, Tixo.
    Um-Priste. Tixo, dala pakati kwetu intliziyo ezingcwele.
    Abantu. Ungamsusi kuti u-Moya wako Oyingcwele.

Kulandele imi-Tandazwana emitatu; owokuqala, ngowalomhla ukòyo, okwangulowo umiselwe em-Tendelekweni we-Nkosi; owesibini, ngowokucela uxolo; owesitatu, ngowokucela ufefe lokuba silungise ukuhlala kwetu. Lemibini yokugqibela mayitetwe imihla yonke e-Mtandazweni wa-Kusasa, beguqile bonke.
 

Lord's Prayer & Suffrages
Owesibini um-Tandazwana, owo-Xolo.

TIXO, Mbàngi yoxolo notandano, okukwazi Wena kukudla ubomi, okukonza Wena yinkululeko kanye; Sikùsele tina zicaka zako ezilulamileyo kuko konke ukulwa kwentshaba zetu; ukuze, sitembe ukùselo lwako, singawoyiki amandla entshaba, ngamandla: ka-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

2nd Collect, for Peace
Owesitatu um-Tandazwana, awo-Fefe.

NKOSI, Bawo wasezulwini,Tixo Somandla wapakade, osilondolozileyo kwada kwasa ngalemini; Silondoloze ngayo ngamandla ako amakulu; Yenza ukuba siti singeyeli sonweni, singangeni ngozini; zize zonke izenzozetu zilaulwe nguwe, sihlale sisenza okulungileyo pambi kwaiko, ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

Apo kuculwayo, kulandela i-Cula.

Kwandul' ukuhanjiswa lemi-Tandazo mihlanu ilandelayo, kodwa mini kumiselwe i-Litani, makutetwe eyokugqibela emibini kupela, ngokudweliswa kwayo.
 

3rd Collect, for Grace
Owokutandazela u-Kumkani.

NKOSI, Bawo wasezulwini, Opezulu, Omandla makulu, Kumkani wokumkani, Nkosi yenkosi, okupèla ko-Mlauli wezilauli, oti, use-troneni yako, ubone bonke. abemi bomhlaba; Siyakutandaza ngentliziyo yonke, ukuba ukangele ngobubele u-Kumkani wetu u-GEORGE, umgalele ngo-Moya wako Oyingcwele, ukuze ahlale ebèka entandweni yako, ahambe ngendlela yako: Mtyebise kakulu ngezipò zasezulwini; menze ukuba ahlale ngokupila nangokonwaba; momeleze azoyise zonke intshaba zake; ati ekugqibeleni angene enywebeni yapakade; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

Prayer for the King
Owokutandazela usapo lo-Kumkani.

TIXO Somandla, Mtombo wako konke ukulunga, siyakukùnga ngolulamo ukuba usikelele u-Kumkanikazi wetu u-Elizabeth, u-Mary u-Nina wo-Kumkani, in Kosazana u-Elizabeth: Bambese ngo-Moya wako Oyingewele; batyebise ngofefe lwako lwasezulwini; batamsanqele ngayo yonke inyweba; ubangenise ebukumkanini bako bapakade; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

Prayer for the Royal Family
Owokutandazela aba-Fundisi nabantu.

TIXO Somandla Ongunapakade, okupèla kowenza imimangaliso emikulu; Galela o-Bishop naba-Fundisi, na-Bantu abapàtiswe bona, ngo-Moya wako opilisayo; nokuze bakukòlise kanye, uhlale ugalela pezu kwabo umbete wetamsanqa lako. Kwenze oku, Nkosi, ngenxa yo-Mteteleli no-Mtandazeli wetu u-Yesu Kristu. Amen.
 

Prayer for Clergy & People
Umtandazo ka-Krisostome.

TIXO Somandla, osipìleyo ufefe ukuba siti ngantliziyonye siyisingisele kuwe imitandazo yetu; nositembisayo ukuba woti kwakubutana babini, batatu, e-Gameni lako ubenzele izicelo zabo: Zenze kaloku, Nkosi, izicelo zezicaka zako, njengoko kulungele zona; usipè kwelilizwe. ukuyazi inyaniso, yako, nakwelizayo ubomi obungunapakade. Amen.

2 Kwabase-Korinte xiii.

UFEFE lwe-Nkosi. yetu u-Yesu Kristu, notando luka-Tixo, nobudlelane bo-Moya Oyingcwele, malube nati sonke ngonapakade. Amen.

Upela apa um-Tandazo wa-Kusasa.

Prayer of St. Chrysostom

 

Return to the 1662 Book of Common Prayer in Xhosa

Web author: Charles Wohlers U. S. EnglandScotlandIrelandWalesCanadaWorld