Seal of the Church in the Province of Southern Africa The Book of Common Prayer
United States England Scotland Ireland Wales Canada World

    The Book of Common Prayer (1662)
in Xhosa

 

UMMISELO

WOKWENZIWA KWESIDLO SE-NKOSI

ESINGUM-TENDELEKO ONGCWELE.


BONKE abafuna ukungena em-Tendelekweni mabawaxele amagama abo ku-Mfundisi, ingekafiki imini yokwenziwa kwawo.

Ukuba kukò owaziwa ngokukohlakala kwake, nomonileyo ummelwane wake ngento ayitetileyo okunye ngento ayenzileyo, yaza i-Ntlanganiso yaxakaniswa; uyakuti u-Mfundisi akukwazi oko, ambize lomntu, amqondise ukuba makangakè alinge ukuza e-Tafileni ye-Nkosi, ade axele elcuhleni ukuba uguqukile kanye, wazilungisa zonke indawo ate wona ngazo, ukuze i-Ntlanganiso ebixakanisiwe nguye ibuye ikòliseke, Kanjalo lomntu makaxele ukuba ubaxolisile abantu abebonile, ati okunye enze isitembiso sokuti uyakukwenza oko, akuba namandla okwenjenjalo.

U-Mfundisi uyakwenza kwa ngokunjalo akubona ukuba kukò abantu abanenzondo betiyene; angavumi ukuba beze e-Tafileni ye-Nkosi ade abone ukuba baxolelene. Ke ukuba omnye wabo batiyeneyo unga angakuxolela ngentliziyo konke ukoniwa kwake, avume ukwenza imbuyiselo ngokwake ukona; kanti ukuba omnye lowo akavumi, upikele ukuhlala ngenkani nenzondo, u-Mfundisi uyakumamkela oguqukileyo em-Tendelekweni ongcwele, amale ongaguqukanga Woti u-Mfundisi obakùpayo abantu njengoko kubàliweyo apa, ababike ku-Bishop zingekagqiti intsuku ezilishumi elinane. Ati u-Bishop abapàte abobantu ngokomteto omiselweyo.

Maiti i-Tafile ngexesha lom-Tendeleko ibe ne-linen emhlope entle, ime pakati kwe-Kerike, mhlaumbi e-Chanceleni, apo kwenzelwa kòna imi-Tandazo ya-Kusasa neyango-Kuhlwa. Ati um-Priste emi ngase-Tafileni ngecala langasentla awutete um-Tandazo we-Nkosi nom-Tandazwana olandelayo, abantu beguqile.
 

 

The Order of the Administration of the Lord's Supper
or
Holy Communion

BAWO wetu osezulwini, Malingcwaliswe i-Gama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, Njengokuba isenziwa ezulwini. Sipè namhla-nje isonka setu semihla ngemihla. Usixolele izono zetu, Njengokuba nati sibaxolela abasonayo. Ungasingenisi ekuhendweni; Usisindise enkohlakalweni. Amen.
 
Lord's Prayer
Um-Tandazwana.

TIXO Somandla, ekutyileke kuwe intliziyo zabantu, oyaziyo yonke iminqweno yabo, ongenakufihlelwa nto; Hlambulula intliziyo zetu ngokusipefumlela ngo-Moya wako Oyingcwele; size sikutande ngokupèleleyo, silidumise i-Gama lako elingcwele ngokulifaneleyo; ngaye u-Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

Ati um-Priste, ebèke ebantwini, ashumayele ngezwi elivakalayo IMITETO ELISHUMI, abantu besaguqile; bati emva kwemi-Teto ngaminye bataruzise u-Tixo ngenxa yokuyigqita kwabo, bacele amandla okuyibamba ngexesha elizayo.
 

Collect for Purity
Um-Fundisi,

U-TIXO wateta lamazwi, watì; Mna ndiyi-Nkosi u-Tixo wako: Akuyikuba natixo bambì ngapandle kwam.
    Abantu. Taru, Nkosi, uzibèkise intliziyo zetu ekubambeni lomteto.
    Um-Fundisi. Akuyikuzenzela mfanekiso uqingqiweyo, nanto ifana nesezulwini pezulu, nesemhlabeni pantsi, nesemanzini ngapantsi komhlaba. Akuyikuqubuda kuzo, ungazinquli kanjalo: ngokuba Mna Nkosi Tixo wako ndingu-Tixo onekwèle, ndibuza izono zoyise kubo abantwana kuse kwesesitatu nesesine isizukulwana sabanditiyayo, ndinenceba kumawaka abanditandayo, beyibamba imiteto yam.
    Abantu. Taru, Nkosi, uzibèkise intliziyo zetu ekubambeni lomteto.
    Um-Fundisi. Akuyikufumana ulikankanye i-Gama le-Nkosi u-Tixo wako: kuba i-Nkosi ingayikumyeka angabi natyala ofumana elikankanya i-Gama layo.
    Abantu. Taru, Nkosi, uzibèkise intliziyo zetu ekubambeni lomteto.
    Um-Fundisi. Kùmbula umhla we-Sabata uwenze ngcwele, Uyakusebenza imihla ibe mitandatu, uwenze wonke umsebenzi wako; ke wona umhla wesixènxe uyi-Sabata ye-Nkosi u-Tixo wako, Akuyikupàta msebenzi ngawo, wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakazana sako, nenkomo zako, nowasemzini opakati kwamasango ako, Ngokuba i-Nkosi yadala izulu nomhlaba, nolwandle, nento zonke ezikòna, ngemihla emitandatu, yaza yapumla ngowesixènxe umhla: kungoko i-Nkosi yawusikelelayo umhla wesixènxe, yawungcwalisa.
    Abantu. Taru, Nkosi, uzibèkise intliziyo zetu ekubambeni lomteto.
    Um-Fundisi. Beka uyihlo nonyoko; ukuze wolulelwe imihla elizweni olipìwayo yi-Nkosi u-Tixo wako.
    Abantu. Taru, Nkosi, uzibèkise intliziyo zetu ekubambeni lomteto.
    Um-Fundisi. Akuyikubulala.
    Abantu. Taru, Nkosi, uzibèkise intliziyo zetu ekubambeni lom1teto.
    Um- Fundisi. Akuyikurexeza.
    Abantu. Taru, Nkosi, uzibèkise intliziyo zetu ekubambeni lomteto.
    Um-Fundisi. Akuyikuba.
    Abantu. Taru, Nkosi, uzibèkise intliziyo zetu ekubambeni lomteto.
    Um-Fundisi. Akuyikunqina ubuxoki ngommelwane wako.
    Abantu. Taru, Nkosi, uzibèkise intliziyo zetu ekubambeni lomteto.
    Um-Fundisi. Akuyikunqwenela indlu yommelwal1e wako, akuyikunqwenela umfazi wommelwane wako, nesicaka sake, nesicakazana sake, nenkomo yake, nehashe lake, nanye into eyiyeyake.
    Abantu. Taru, Nkosi, uyibale lemiteto yako yonke ezintliziyweni zetu, siyakutandaza.

Kulandele ube mnye kulemi-Tandazwana mibini yokutandazela u-Kumkani, um-Priste emi njengokwangapambili, atì,
 

 
Masitandaze,

TIXO Somandla, obukumkani bungunapakade, nomandla angapèle ndawo; Yiba netaru kumzi wako i-Kerike; ulaule intliziyo yomntu wako u-GEORGE, u-Kumkani wetu, aze ati (ezazi ukuba ungunmtu wako) azamele ukuba kuhlonelwe kudunyiswe wena pezu kwento zonke: size siti tina, nabantu bake bonke, (silazi apo livela kòna igunya lake), simkonze ngenyaniso, simbeke, simpulapule, njengoko litshoyo i-Lizwi lako; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu, ohleli elaula nawe no-Moya Oyingcwele, emnye u-Tixo, ngonapakade. Amen.

Okunye,

TIXO Somandla Ongunapakade, sifundiswa li-Lizwi lako elingcwele ukuba intliziyo zenkosi zilaulwa nguwe, ikwanguwe oziguqulayo ngokubona kwako: Siyakukunga ngolulamo ukuba mauyilaule intliziyoyo-Kumkani wetu u-GEORGE, umntu wako, aze ati yena, ngako konke okukuye, ngentliziyo, ngamazwi, nangezenzo, ahlale ezamela ukuhlonelwa nokudunyiswa kwako, aze akukùtalele ukubagcina abantu bako ompàtise bona, bahlale ngokonwaba, ngoxolo, nangobulungisa: Yenjenjalo, Bawo, ngenxa yo-Nyana wako oyintanda, u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

Kwandule kutetwe um-Tandazwana wemini ekòyo. Ati um-Priste akuwugqiba, afunde i-Ncwadana yalomini, esitì, Incwadana [atì mhlaumbi, Isicatshulwa sezi-Bàlo esimiselwe i-Ncwadana] ibàlwe [sibàlwe] kwisahluko — sika- —, kuqala kwisahlukwana —, Yakugqitywa i-Ncwadana uyalcutì, Ipèla apa i-Ncwadana. Aze afunde i-Vangeli, (abantu bemi), esitì, I-Vangeli engcwele ibàlwe kwisahluko — sika- —, kuqala kwisahlukwana —. Yakugqitywa i-Vangeli, kuculwe, mhlaumbi kutetwe, i-Ngxelo yo-Kòlo elandelayo, besemi abantu.
 

Prayers for the King
NDIYAKOLWA ku-Tixo omnye, u-Yise u-Somandla, u-Mdali wezulu nomhlaba, Nento zonke ezibonakalayo nezingabonakaliyo:
    Nakuyo i-Nkosi inye u-Yesu Kristu, okupèla kozelweyo u-Nyana ka-Tixo, Owazalwa ngu-Yise kungekabikò mhlaba, u-Tixo owazalwa ngu-Tixo, Olu-Kànyiso owazalwa nguye Olu-Kànyiso, u-Tixo wenene owazalwa ngu-Tixo wenene, Owazalwa, engadalwanga, Emmo nye no-Yise, Zaye zonke izinto zidalwe ngaye: Owati ngenxa yetu tina bantu, nangenxa yosindiso lwetu, wehla ezulwini, Wenziwa waba yinyama ngo-Moya Oyingcwele ngayo i-Ntombi u-Mariya, Wenziwa waba ngumntu: Waza wabetelelwa emnqamlezweni ngenxa yetu ngo-Pontiyus Pilato, Weva ubunzima, wancwàtywa. Wati ngomhla wesitatu wabuya wavuka ngokwezi-Bàlo, Wenyukela ezulwini, Uhleli ngasekunene kuka-Yise; Wobuya ezo enobuqaqauli agwebe abahleliyo nabafileyo: Obukumkani bungasayikupèla.
    Ndiyakolwa naku-Moya Oyingcwele, oyi-Nkosi, ongu-Mdlisi wobomi, Opuma ku-Yise naku-Nyana, Onqulwayo edunyiswa kunye no-Yise no-Nyana, Owateta ngaba-Profite. Ndiyakòlwa yi-Kerike inye, eyi-Katolika, eyaba-Postile. Ndivuma u-Bàptizo lunye lokuxolelwa kwezono. Ndikangela nokuvuka kwabafileyo, nobomi belizwe elizayo. Amen.

Andule u-Mfundisi axele ebantwini imihla engcwele nemihla yokuzita ye-veki ezayo efanele ukugcinwa. Ati (ukuba kuyafuneka) ashumayele imini yolcwenziwa kom-Tendeleko; kubizwe amagama abazakutshata; kufundwe nencwadi ezivela ku-Bishop, nezokukùpa abantu e-Kerikeni. Ngu-Mfundisi kupela onokushumayela nayipi into e-Kerikeni ngexesha le-Nkonzo engcwele, naye akanakwenjenjalo engavunyelwanga yimiteto yale-Ncwadi, okunye engayalezwanga ngu-Kumkani, nokuba ngu-Bishop walommandla.

Kwandul' ukulandela i-Ntshumayelo.

Ati um-Priste abuyele e-Tafileni ye-Nkosi, aqale u-Nikelo, ekèta kwezi-Zahlukwana zilandelayo inani alibonayo.
 

Nicene Creed

MALUKANYE ngokunjalo ukànyiselo lwenu pambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise u-Yihlo osezulwini.  U-Mateyu Ongcwele v.
    Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apo konakalisa inundu nomhlwa, nalapo amasela agqobozayo ebe: ziqwebeleni ke ubutyebi ezulwini, apo kungonakalisi nundu namhlwa, nalapo amasela angagqoboziyo ebè.   U-Mateyu Ongcwele vi.
    Zonke izinto enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; ngokuba oko kungum-Teto naba-Profite.   U-Mateyu Ongcwele vii.
    Asingabo bonke abatì kum, Nkosi, Nkosi, abayakungena ebu-Kumkanini bezulu; ngokwenzayo ukutanda kuka-Bawo osezulwini.   U-Mateyu Ongcwele vii.
    Wema u-Zakeyu, watì kuyo i-Nkosi, Uyabona, isiqingata sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidle into kabani ngokumtyöla, ndimbuyisela kane,   U-Luka Ongcwele xix.
    Ngubanina okè apum' umkosi ngeyake indleko? Ngubanina otyala isi-diliya, aze angadli siqàmo saso? Kòna ngubanina owalusa umhlambi, aze angawadli amasi omhlambi lowo?   1 Kwabase-Korrinte ix.
    Ukuba tina sanihlwayelela izinto ezizezo-Moya, yinto enkulu na, ukuba siyakuvuna izinto zenu ezizezenyama?   1 Kwabase-Korinte ix.
    Anazi na, ukuba abo bazisebenzayo izinto ezingcwele badla okwe-tempile, nabo bahlala behleli esibingelelweni bahlulelana nesibingelelo eso? Ngokunjalo ne-Nkosi yabamisela abazazisayo indaba ezilungileyo, ukuba bapile ngendaba ezilungileyo ezi.   1 Kwabase-Korinte ix.
    Lowo uhlwayela kakuvimba wovuna kwa kakuvimba; nalowo uhlwayela kasisa wovuna kwa kasisa. Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni, makungabi kokupuma kabuhlungu nangokunyanzelwa; kuba u-Tixo utanda umpi ocwàyitileyo.   2 Kwabase-Korinte ix.
    Makati lowo ufundiswayo i-Lizwi abelane nalowo ufundisayo ngento zonke ezilungileyo, Musan' ukulahlekiswa; u-Tixo yena asingowokuhlekisa: kuba into ate wahlwayela yona umntu, wovuna kwa yona.   Kuma-Galati vi.
    Njengoko singati sibe netuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke; ngokukodwa ke kwabendlu yokèlo.   Kuma-Galati vi.
    Kòna ukuhlonel' u-Tixo, kundawo nye nokwanela, kusekeleze inzuzo enkulu: kuba besingangenanga nanto ehlabatini, kuyabonakala kananjalo ukuba asinakupuma nanto.   1 Ku-Timote vi.
    Abazityebi kwelipakade langoku batetele, babe nokwaba kakuhle, babe nobudlelane; baziqwebele isiseko esihle base exesheni elizakuza, ukuze babubambe ubomi obungunapakade.   1 Ku-Timote vi.
   Akanantswela bulungisa u-Tixo, ukude awulibale umsebenzi wenu nomzamo wotando enalubonakalisa kulo i-Gama lake, nabalungiselelayo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela.   Kuma-Hebere vi.
   Ukwenza okuhle nobudlelane musan' ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakòliswa kakuhle yiyo u-Tixo.   Kuma-Hebere xiii.
    Osukuba enayo impilo yelihlabati, aze ambone umzalwana wake eswele, azivalele imfesane zake kuye, luti-nina ukuhlala utando luka-Tixo ngapakati kwake?   1 Ka-Yohane Ongcwele iii.
   Yenza amalizo ngempahla zako, ungabufihli ubuso bako kolihlwempu, ize nawe ungayikufihlelwa ubuso be-Nkosi.   U-Tobite iv.
   Yiba nesisa ngokwamandla ako. Ukuba unokuninzi, yipà ngokuninzi; ukuba unokuncinane, yipà ngokukùteleyo kokokuncinane: ngokuba ngokwenjenjalo uyaziqwebela umvuzo olungileyo wemini yokuswela.   U-Tobite iv.
    Uboleka i-Nkosi obabala isisweli; imbuyekeza ukupata kwake okuhle.   Imi-Zekeliso xix.
    Hayi uyolo lwalowo unyamekela ogulayo nolihlwempu; ngomhla wobubi i-Nkosi iyakumhlangula.   I-Ndumiso xli.

Koti kusatetwa ezinye kwezi-Zahlukwana, kuhlanganiswe izivukeliso ezenzelwa amahlwempu, kwa neminye iminikelo yabantu, ngama-Dikoni nama-Gosa e-Kerike nabanye abantu abafanelekileyo, ngesitya esihle esifunelwe lomsebenzi yi-Parish; basizise ngokubekekileyo kum-Priste, oyakusinikela asibeke ngolulamo e-Tafileni engcwele.

Ukuba kuzakwenziwa um-Tendeleko, um-Priste uyakwandula apa abeke e-Tafileni into eyaneleyo ye-Sonka ne-Wayine.

Emva koko um-Priste uyakutì,
 

 

Masitandazele lonke ibandla le-Kerike ka-Kristu elisekòyo apa emhlabeni.

TIVO Somandla Ongunapakade, osifundisileyo ngom-Postile wako ongcwele ukuba senzele abantu bonke imitandazo, izitaruziso, nemibulelo; Siyakukùnga ngolulamo ukuba wamkele ngezibele zako (*izivukeliso zetu naleminikelo na]lemitandazo siyinikela kuwe, Somkulu; sikukùnga ukuba uhlale uyigalela i-Kerike eyi-Katolika ngomoya wenyaniso, womanyano, nowovumelano: Baze bonke abavuma i-Gama lako elingcwele bavumelana ngenyaniso ye-Lizwi lako, bahlale bebanye ngotando. Kùsela zonke i-Nkosi na-Balauli abangama-Kristu; simtandazela ngokungakumhì u-GEORGE, u-Kumukani wetu; okokuba asipàte ngokulungileyo nangokonwaba: Zuwenze ukuba lonke i-Pakati lake, nabo bonke abanegunya pantsi kwake, balungise ukugweba bengakèti bantu, kuze kohlwaywe aboni nezikohlakali, kusekelwe inkonzo yako yenyaniso nobulungisa. Banike ufefe, Bawo wasezulwini, bonke o-Bishop naba-Fundisi, baze bati ngentlalo nangokufundisa balibonakalise i-Lizwi lako eliyinyaniso elipilileyo, bazipàte ngokufanelekileyo i-Sakramente zako ezingcwele ngoko kumisiweyo: Nabantu bako bonke ubapè amandla asezulwini; ngokukodwa aba bakòyo apa; ukuze balive i-Lizwi lako elingcwele balamkele, ngentliziyo elulamileyo nangohlonelo olufaneleyo; bakukonze ngobungcwele, bahlale belungisa yonke imihla yabo. Nabate, Nkosi, kobubomi bupèlayo bakatazeka, nabasezintsizini, nabasweleyo, nabagulayo, nabahlelwa nabubupina ububi, ubavelele ubasize. Nabemkileyo bekòliwe behlonele Wena siyababulelela; sincede ukuba sihambe kwa ngalondlela yabo nati, sidle ilifa lasezulwini ndawonye nabo: Kwenze oku, Bawo, ngenxa ka-Yesu Kristu, osilamlelayo, enguye yedwa ositetelelayo. Amen.

Makati u-Mfundisi nxa axelayo ukuba um-Tendeleko uzakubakò aqube esisi- Yalo silandelayo, i-Ntshumayelo iseligqityiwe. Esisi-Yalo ke makasenze ngomhla we-Cawa okunye ngomnye um-Hla ongcwele owandulelayo.
 

Prayer for the Church Militant

 

 

* Ukuba akukò zivuke1iso naminikelo, akayikutetwa lamazwi okuti izivukeliso zetu nalemmikelo.

BATANDWA, ng —— ndiyakuti, ngoncedo luka-Tixo, ndiyenzele bonke abayilungiselweyo ngentliziyo nangokutandaza i-Sakramente yom-Zimba ne-Gazi lika-Kristu: eyakwamkelwa ngabo ukubakùmbuza ukubetelelwa kwake emnqamlezweni nokuva kwake ubunzima; esiti ngako sizixolelwe izono, senziwe sibe ngabamkeli bobu-Kumkani bezulu, Ngako oko simelwe kubulela ngentliziyo yonke ku-Tixo u-Somandla u-Bawo wasezulwini, ngenxa yokuba esipìle u-Nyana wake u-Msindisi wetu u-Yesu Kristu, angabi ngowasifelayo nje kodwa, abe kukudla nokomelezwa kwemipefumlo yetu kuyo i-Sakramente leyo ingcwele. Yona eyinto emnandi kangaka nje kwabo bayamkelayo befanelekile, kanti iyingozi eyoyikekayo kangaka nje kwabo bayamkelayo bengafanelekile; ndimelwe kuniyala ukuba nikùmbule lemfihlelo ingcwele ukuba nkulu kwayo, kwa nengozi ukuba nkulu kwayo nakuyamkela ningafanelekile; nize nicikide intliziyo zenu nizilinge, ningabi ngabamkohlisa u-Tixo; maniti ukuzilinga nibe nokuza kweso-Sidlo sasezulwini ningcwele, nambete ingubo yomtshato emisiweyo ngu-Tixo ezi-Bàlweni zake ezingcwele, namkelwe nifanelekile e-Tafileni yake engcwele.
    Ngako oko yiti wena kuqala uyilinge intlalo yako ngesilinganiso semiteto ka-Tixo, uti apo ubonayo ukuba wonile, nokuba kungokucinga, nokuba kungokuteta, nokuba kungokwenza, ulilele ukona kwako, uzixele izono zako ku-Tixo u-Somandla, uqinisile ngentliziyo okokuba uyakuguquka, uhlale ngokulungileyo ngexesha elizayo. Uz' uti wakubona ukuba akumonanga u-Tixo yedwa, wesuka wona nabantu, uýe uxolelane nabo, uzimisele ukuba uyakubalungisela ngako konke onako ezintweni zonke obone ngazo, ubabuyisele. Zuti kanjalo uzimisele ukumixolela lowo ukonileyo, njengokuba nawe unga ungazixolelwa iziposo zako ngu-Tixo; ukuba ute wamkela um-Tendeleko ongcwele ungamxolelanga, kukòna uyakugwetywa ngakumbi. Ke ngoko ukuba kukò owakuni ogxeka u-Tixo, nolitintelayo elinyelisa i-Lizwi lake, nOmrexezi, nonolunya, nonomona, nonesinye isono esinzima, guquka ezonweni zako, uti okunye ungezi apa e-Tafileni engcwele; hleze emva kokuyamkela kwako i-Sakramente engcwele u-Satana angene kuwe, njengokuba wangena ku-Yudas, akuzalise ngayo yonke inkohlakalo, akutshabalalise umzimba nompefumlo.
    Nangenxa yokuba umntu engenakuza em-Tendelekweni ongcwele ongatembi kanye ububele buka-Tixo, ontliziyo yake ikatazekile; ukuba kukò owakuni ontliziyo yake ingavumi ukututuzeleka, ofuna olunye uncedo namanye amacebo, makeze kum, ati mhlaumbi aye komnye u-Mfundisi we-Lizwi lika-Tixo onengqondo, amxelele usizi lwake; aze ati ngokusetyenzelwa li-Lizwi lika-Tixo azuze uncedo lokukùlulwa, ndawonye nokululekwa kompefumlo wake, kuze kuxoliswe intliziyo yake, kuti-cwaka uvalo kuye,

Woti u-Mfundisi, ukuba uyabona ukuba abakùtaleli ukuza em-Tendelekweni ongcwele, atete esisi-Yalo silarulelayo endaweni yesokuqala,

BATANDWA, ng —— ndiyakuti, ngoncedo luka-Tixo, ndenze um-Tendeleko we-Nkosi: enditi ngenxa ka-Tixo ndinimeme nize kuyo nonke nikòyo apa; ndinibongoza, ngenxa ye-Nkosi yetu u-Yesu Kristu, ukuba ningali ukuza kuwo, nibizwa ngotando olungaka nje nimenywa ngu-Tixo ngokwake. Niyazi ukuba kuyinto embi kunene ukuba umntu obelungisile isidlo esikulu, wayizalisa i-tafile yake ngentlobo zonke zokutya, akwabikò nto iswelekileyo, kupèla kukuba abamenyiweyo beze kuhlala pantsi; baza bati ababiziweyo bala ukuza (kungekò sizatu). Ngubanina kuni obengayikuqunjiswa kwakuba kunje? Ngubanina obengayikuti woniwe kakubi? Ize niti, batandwa nikuye u-Kristu, nizilumkele kakulu, hleze niti ngokusala esisidlo singcwele, nizivusele ingqumbo ka-Tixo. Umntu angafanelana atì, Audinakuza, ngokuba nditintelwe yimisebenzi yasemhlabeni. Ke izilandulelo ezinjalo aziyikuvunyelwa zamkelwe ngu-Tixo, Ukuba kukò oti, Ndingumoni omkulu, ndiyoyika ukuza ke; kunganina ukuba ungaguquki ulungise? Nakubizwa ngu-Tixo, aninantloni na ukutì, anizi? Nxa nifanele ukuguqukela ku-Tixo, niyakuzilandulela na, nitì anikalungi? Kukùmbuleni oku ngokwenu, nibone ukuba amaqìnga anjalo angendawo ebengayikuninceda nto pambi ko-Tixo, Abaya kutiwa e-Vangelini babizelwe esidlweni bagwetywa, kwatìwa abasifanele isidlo sasezulwini, bakuzilandulela ngokuti batenge umhlaba, bebezakulinga inkabi zabo, bebezeke abafazi. Mna ngokwam ndiyakubakò; ndiyanimema ngenxa ka-Tixo, ndinibize ndisesikundleni sika-Kristu, ndiniyale, ukuba manibe ngabamkeli balom-Tendeleko ungcwele, ukuba nilutanda usindiso lwenu. Njengokuba u-Nyana ka-Tixo wanincamela ubomi bake ngokunifela emtini, yimfanelo yenu ukwamkela lom-Tendeleko ngokulikùmbula elodini lokufa kwake, njengoko ebesiyalele ngokwake: ukuba niyakwala ukwenza oku, kukùmbuleni ukumona kwenu u-Tixo, nesohlwayo esipezu kwentloko zenu ngenxa yoku; nakuyishiya i-Tafile ye-Nkosi ngabom, nizahlule kubo abazalwana benu abeze kudla kwesosidlo sikulu sokutya kwasezulwini. Ukuba niyazicinga kunene ezizinto, niyakuqondiswa nibuyiswe ngofefe luka-Tixo; tina ke asiyikuyeka ukunitandazela ku-Tixo u-Somandla u-Bawo wasezulwini,

Ngexesha lokwenziwa kom-Tendeleko, abamkeli bawo besebelungiselwe ukuwamkela, um-Priste uyakuteta esisi-Yalo, esitì,

BATANDWA e-Nkosini, nina nifuna ukuza em-Tendelekweni ongcwele wom-Zimba ne-Gazi lo-Msindisi wetu u-Kristu, nifanela ukusigqala kunene isiyalo sika-Paulos sokokuba abantu mabazicikide bazilinge, ukuze basidle eso-Sonka, basele kuyo lo-Ndebe. Ngokuba likulu itamsanqa, sakuyamkela le-Sakramente ingcwele ngentliziyo egqobokileyo nangokòlo olupilileyo; (ngokuba siwudla um-Zimba ka-Kristu ngokomoya, silisele ne-Gazi lake; sihlale kuye u-Kristu, ati u-Kristu ahlale kuti; sibe banye no-Kristu, no-Kristu abe mnye nati;) ikwankulu ingozi, xa siyamkela ngokungafaneleyo. Ngokuba xa senjenjalo sinetyala lom-Zimba ne-Gazi lika-Kristu u-Msindisi wetu; sidla ukugwetywa kwetu, singawugqali um-Zimba we-Nkosi; sizivusela ingqumbo ka-Tixo; simqumbisa aze asibete ngezifo ezininzi nangentlobo ezininzi zokufa. Zigwebeni ngoko, bazalwana, nize ningagwetywa yi-Nkosi; niguquke ngokwenyaniso ezonweni zenu ezigqitileyo; nibe nokukòlwa ngokuqinisekileyo kuye u-Kristu u-Mkùluli wetu; kulungiseni ukuhlala kwenu, nitandane nabantu bonke; naniyakuba ngabamkeli abafanelekileyo bezimfihlelo zingcwele. Napezu kwento zonke nifanele ukumbulela u-Tixo ngentliziyo elulamileyo, u-Yise, u-Nyana, u-Moya Oyingcwele, ngenxa yokukùlulwa kwelizwe ngokufa nangokuva ubunzima ko-Msindisi wetu u-Kristu, ongu-Tixo ekwangumntu; owazitobayo kwada kwasekufeni emnqamlezweni, ngenxa yetu, tina boni balusizi, ebesilele ebumnyameni nasetunzini lokufa; aze asenze sibe ngabantwana baka-Tixo, sibe zindla-mafa zobomi obungunapakade. Kananjalo ukuze sihlale silukùmbula utando olukulu kangaka lwe-Nkosi yetu, okupèla ko-Msindisi wetu, u-Yesu Kristu, owasifelayo, namatamsanqa angenakubalwa awasizuzisa wona ngokupalala kwe-Gazi lake; usimisele imfihlelo ezingcwele, zibe zezokunyanisekisa utando lwake, zihlale zisisikùmbuzo sokufa kwake, size sibe nenyweba enkulu engunapakade. Ke kuye ngoko, kunye no-Yise no-Moya Oyingcwele, (njengoko kusifaneleyo), masibulele singayeki; silulamela intando yake engcwele, sizama ukumkonza ngobungcwele nangobulungisa yonke imihla yobomi betu. Amen.

Aze um-Priste abekise kwabo baza kuwamkela um-Tendeleko atì,
 

Exhortations
NINA niguqukayo ezonweni zenu ngokwenyaniso, nihleli nitandana nabamelwane benu, enizakulinga ukuhlala ngesimilo esitsha, niyibamba imiteto ka Tixo, nihamba ngendlela zake ezingcwele: Sondelani ngo kolo, namkele le-Sakramente ingcwele inomeleze; nenze ingxelo yezono zenu ku-Tixo u-Somandla, niguqile ngamadolo.

Kwandule kwenziwe le-Ngxelo egameni labo bonke abazimisele ukwamkela um-Tendeleko, ngo mnye wa-Bafundisi; yena nabantu bonke beguqile ngamadolo, besitì,
 

Invitation
TIXO Somandla, Yise we-Nkosi yetu u-Yesu Kristu, Mdali wento zonke, Mgwebi wabo bonke abantu; Siyazivuma sizililela izono zetu ezininzi nenkohlakalo yetu, Esizenzileyo amaxesha ngamaxesha, Ngokucinga, ngokuteta, nangokwenza, Sicasene nobukulu bako, Sikuqumbisa Wena ofanele ukuqumba. Siyaguquka ngokwenene, Intliziyo zetu zilusizi ngenxa yezigqito zetu; Kubuhlungu nokuzikùmbula; Ziyasisinda, asinakuzitwala. Taru Nkosi! Taru Nkosi! Bawo otaru lingenakulinganiswa; Ngenxa yo-Nyana wako i-Nkosi yetu u-Yesu Kristu, Sixolele konke okudlulileyo; Wenze okokuba sihlale sikukonza sikukòlisa ngentlalo entsha, Kuze kudunyiswe i-Gama lako; Ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

Ati um-Priste (nokuba ngu-Bishop nxa akoyo) eme, abeke ebantwini, asitete esisi-Kùlulo, atì,

U-TIXO u-Somandla, u-Bawo wetu wasezulwini, ote ngetaru lake elikulu wabatembisa ukuxolelwa kwezono bonke abanenguquko yentliziyo nokòlo oluyanisekileyo; Makabe netaru kuni; anixolele anikulule kuzo zonke izono zenu; aniqinise anomeleze kuko konke okulungileyo; ade aningenise ebomini obungunapakade; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

Aze atì um-Priste,
 

Confession & absolution

Yivani amazwi amnandi awatetayo u-Msindisi wetu u-Kristu kubo bonke abaguqukela kuye ngokwenyaniso.

YIZANI kum nonke nina nibulalekayo nisindwayo ngumtwalo, ndoninika ukupumla.   U-Mateyu Ongcwele xi. 28.

    Wenjenje u-Tixo ukulitanda kwake ihlabati ude wanikela u-Nyana wake okupèla kwamzeleyo, ukuze bonke abakòlwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunapakade.   U-Yohane Ongcwele iii. 16.

Yivani noko akutetayo u-Paulos Ongcwele.

    Litembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba u-Kristu Yesu weza ehlabatini ukuba asindise aboni.   1 Ku-Timote i. 15.

Yivani noko akutetayo u-Yohane Ongcwele.

    Ukuba kukò ote wona, sino-Mteteleli kuye u-Yise, u-Yesu Kristu ke ilungisa; yena ulucamagushelo lwezono zetu.   1 Ka-Yohane Ongcwele ii. 1.

Ahambise um-Priste atì,
 

Comfortable words
Pakamisani intliziyo zenu.

    Abantu. Siyazipakamisela e-Nkosini,
    Um-Priste. Masibulele e-Nkosini ku-Tixo wetu.
    Abantu. Kufanelekile kulimgile ukwenjenjalo.

Woza um-Priste abeke e-Tafileni ye-Nkosi, atì,
 

Sursum corda

KUFANELEKILE kunene, kulungile, yaye ingumsebenzi wetu esimelwe kukuwenza, ukuba siti ngamaxesha onke, nakuzo zonke indawo, sibulele kuwe, Nkosi,* Bawo ongcwele, Somandla, Tixo ongunapakade.

Koti kulendawo, ukuba ngumhla onesi-Bongo sawo esimisiweyo, kulandele sona; okunye kohanjiswa kutìwe,

NGAKO oko kunye ne-Ngelosi ne-Zinkulu kuzo, nomkosi wonke wasezulwini, siyalibonga silidumise i-Gama lako elingcwele; sihlala sikubonga sisitì, Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele, Nkosi Tixo wemikosi, izulu lizele kwa nomhlaba bubuqaqauli bako: Makudunyiswe wena, Nkosi epezu konke. Amen.
 

 

* Lamazwì atì Bawo ongcwele akayikutetwa nge-Cawa yo-Mtriniti.

IZIBONGO ZEMIHLA EBALULEKILEYO.

Ngo-Mhla we-Kristmas, nangemihla esixènxe elandelayo.

KUBA wamnikayo u-Yesu Kristu okupèla ko-Nyana wako ukuba azalelwe tina kwanjengelixesha; owati, ngo-Moya Oyingcwele, wenziwa waba ngumntu ngenyaniso wemmo ye-Ntombi u-Mariya unina; aze ati yena engenasono asihlambulule zonke izono. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, &c.

Ngo-Mhla we-Pasika, nangemihla esixènxe elandelayo.

KOKO sifanele ukukubonga ngakumbì ngenxa yokuvuka okudumileyo ko-Nyana wako u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu: kuba yena uyi-Mvana yenyaniso ye-Pasika, eyanikelwa ngenxa yetu, yazisusa izono zelizwe; ote ngako ukufa kwake wakutshabalalisa ukufa, wati ngokuvuka kwake wasibuyisela ebomini bapakade. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, &c.

Ngo-Mhla woku-Nyukela kwe-Nkosi, nangemihla esixènxe elandelayo.

NGENXA yo-Nyana wako otandiweyo u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu: owati emva kokuvuka kwake okudumileyo wabonakala kuba-Postile bonke, wati bekangele wenyukela ezulwini ukuya kusilungisela indawo; ukuze apo akona yena, sinyukele kòna nati, silaule naye enywebeni. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, &c.

Ngo-Mhla we-Pentekost, nangemihla emitandatu elandelayo.

NGENXA ka-Yesu Kristu i-Nkosi yetu; ekwati ngokwesitembiso sake esiyinyaniso, kwehla kwanjengelixesha u-Moya Oyingcwele evela ezulwini ngesiqupe ngesandi esikulu, esingati sesomoya onamandla, unjengelwimi zomhlo, ezafika zahlala pezu kwaba-Postile, wabafundisa, wabakokelela enyanisweni yonke; ebapà ukuteta nganteto zimbì, nokukàlipela i-Vangeli bayishumayele kuzo zonke intlanga bengadinwa; esati ngayo sabuyiswa ebumnyameni nasekulahlekeni, seziswa ekukanyeni nasekwazini wena, no-Nyana wako lowo u-Yesu Kristu. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, &c.

Nge-Cawa yo-Mtriniti kupèla.

WENA Tixo omnye, Nkosi inye; unge-Mmilo nye kupèla, kodwa o-Mmilo zintatu kwi-Mmo nye; kuba oko sikòlwa kuko ngobuqaqauli buka-Yise, sikòlwa kuko ngobo-Nyana, sikòlwa kuko ngobo-Moya Oyingcwele, kungekò mahluko, kungekò kugqitagqitana. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, &c.

Kuti emva kwezizi-Bongo ngazinye kuculwe okunye kutetwe kutìwe,

NGAKO oko kunye ne-Ngelosi ne-Zinkulu kuzo, nomkosi wonke wasezulwini, siyalibonga silidumise i-Gama lako elingcwele; sihlala sikubonga sisitì, Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele, Nkosi Tixo wemikosi, izulu lizele kwa nomhlaba bubuqaqauli bako: Makudunyiswe wena, Nkosi epezu konke, Amen.

Ati um-Priste, eguqile e-Tafileni ye-Nkosi, atete lomtandazo ulandelayo egameni labo bonke abaza kuwamkela um-Tendeleko,
 

Proper Prefaces
TARU Nkosi! Asizi kule-Tafile yako ngokuzingca, sitemba obetu ubulungisa, kodwa siza sitemba inceba zako ezinkulu. Asifanelekile kucòla nemvutuluka epantsi kwe-Tafile yako. Kodwa usekwayilo-Nkosi, kunawe ukuba netaru; Sipè ngoko, Nkosi Sobubele, ukuba siti sisidla inyama yo-Nyana wako oyintanda, u-Yesu Kristu, silisela negazi lake, kuhlanjululwe lemizimba yetu enezono ngomzimba wake, iti nemipefumlo yetu ihlanjululwe ngegazi lake elinqabileyo, sihlale sihleli kuye, naye ahlale kuti, ngonapakade. Amen,

Ati um-Priste, emi ngase-Tafileni, alungise i-Sonka ne-Wayine, aze abe nokusiqekeza i-Sonka kakuhle pambi kwabantu, nokuyitabata i-Ndebe ezandleni zake, andule enze um-Tandazo woku Ngcwalisa njengoko kulandelayo.
 

Prayer of Humble Access
TIXO Somandla, Bawo wasezulwini, owati ngetaru lako elikulu wamnikela u-Nyana wako emnye u-Yesu Kristu ukuba eve ukufa emnqamlezweni ngenxa yokusindiswa kwetu; owati ezinikele kòna kwa kanye wenza idini elizalisekileyo, nomnikelo ofezekileyo, nentlaulelo eyaneleyo, ngenxa yezono zabantu bonke; wati e-Vangelini yake wasimisela isikùmbuzo sokufa kwake esiyakuhlala sisenziwa, ade abuye eze; Sipulapule, siyakukùnga silulamile, Bawo Onetaru; usipè ukuba siti sizamkela nje ezizidalwa zako, isonka ne-wayine, njengoko kwamiswayo ngu-Nyana wako u-Yesu Kristu u-Msindisi wetu, sikukùmbula ukufa
   a Woti apa um-Priste asitabqtele isi-Tya ezandleni zake:

   b Ati apa aqàkeze i-Sonka:

   c Ati apa asibeke isandla pezu kwaso sonke i-Sonka.

   d Woti apa ayitabatele i-Ndebe esandleni sake:

  e Ati apa asibeke isandla pezu kwazo zonke izitya. ezine-wayine ezakungcwaliswa.

okubandezelwa kwake: sibe nokwamkela um-Zimba wake ne-Gazi lake: owati, kwa ngobobusuku wanikelwa ngabo, a watabata i-Sonka; wati, akuba ebulele, b wasiqèkeza, wasinikela kubafundi bake, esitì, Tabatani, nidle, c ngum-Zimba wam lo onikelwa nina: Kwenzeni oku kube sisikùmbuzo ngam. Rwati kwa ngokunjalo emva kwesidlo Sangokuhlwa d watabata i-Ndebe; wati, akuba ebulele, wayinikela kubo, esitì, Selani nonke kuyo; ngokuba e li-Gazi lam eli lom-Nqopiso omtsha, elipalalela nina nabaninzi ukuze kuxolelwe izono: Ngamaxesha onke enisukuba niyisela, kwenzeni oku kube sisikùmbuzo ngam. Amen.

Andule amkele u-Mfundisi ngokwake um-Tendeleko ngentlobo zombini, ati emva koko abamkelise o-Bishop, naba-Priste, nama-Dikoni, (nxa bakòyu), andule abanike abantu ngabanye, ezandleni zabo, beguqile ngentobeko. Woti akunikela i-Sonka emntwini attte lamazwi, atì,
 

 
UMZIMBA we-Nkosi yetu u-Yesu Kristu owanikelwa wena, mawugcine umzimba nompefumlo wako ngonapakade. Tabata uale oku, kube sisikùmbuzo sokuti u-Kristu wafela wena, udle yena entliziyweni yako ngokòlo nangombulelo.

Ati u-Mfimdisi akunikela i-Ndebe emntwini atele lamazwi, atì,

IGAZI le-Nkosi yetu u-Yesu Kristu elapalalela wena, maligcine. umzimba nompefumlo wako ngonapakade. Sela oku, kube sisikùmbuzo sokuti i-Gazi lika-Kristu lapalalela wena, ubulele.

Ukuba zite zapèla i-Sonka ne-Wayine ezingcwalisiweyo bengekamkeli bonke, um-Priste uyakongeza angcwalise ngokunye ngokwamazwi amisiweyo; aqale ngokuti (U-Msindisi wetu u-Kristu wati, kwa ngobobusuku, &c,) ukuze angcwalise i-Sonka; nokutì (Kwati kwa ngokunjalo emva kwesidlo sangokuhlwa, &c.) ukuze angcwalise i-Wayine.

Ati u-Mfundisi, nxa sebamkele bonke, abuyele e-Tafileni ye-Nkosi, ati ngohlonelo abeke pezu kwayo oko kuseleyo kwezonto zingcwalisiweyo, akugqubutele nge-linen emhlope entle.

Ati um-Priste enze um-Tandazo we-Nkosi, abantu betèlela kwizicelo ngazinye.
 

Words of Adminstration
BAWO wetu osezulwini, Malingcwaliswe i-Gama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, Njengokuba isenziwa ezulwini. Sipè namhla-nje isonka setu semihla ngemihla. Usixolele izono zetu, Njengokuba nati sibaxolela abasonayo. Ungasingenisi ekuhendweni; Usisindise enkohlakalweni: Ngokuba ubukumkani bobako, Namandla, nodumo, Ngonapakade. Amen.

Kuhanjiswe kutìwe,
 

Lord's Prayer
NKOSI Bawo wasezulwini, tina bantu bako abazitobileyo siyakutandaza ngokupèleleyo ukuba mauti ngobubele bobuzali bako ulamkele elidini letu lendumiso nombulelo; sikukùnga ngolulamo okokuba usipè ukuba tina ne-Kerike yako yonke sizuze uxolelo lwezono zetu, nawo onke amanye amalungelo entlungu zake, ngemfaneleko nokufa ko-Nyana wako u-Yesu Kristu, nangokòlo e-Gazini lake. Nakaloku, Nkosi, sizinikela kuwe, imizimba nemipefumlo yetu, ukuba sibe lidini eliqondakalayo, elingcwele, elipilileyo; sikukùnga ngolulamo ukuba siti sonke tina madlelane ngalom-Tendeleko ongcwele sizaliswe lufefe nentsikelelo yako yasezulwini. Nangona singafanele, ngenxa yezono zetu ezininzi, ukukwenzela idini, kodwa sikukùnga ukuba uyamkele lenkonzo yetu, esimelwe kukuyenza; ungalinganiseli ukufaneleka kwetu, kodwa usixolela izipòso zetu, ngenxa ka-Yesu Kristu i-Nkosi yetu; esiti ngaye sidumise wena Bawo, uno-Nyana wako lowo, nibanye no-Moya Oyingcwele, ngonapakade. Amen.

Okunye kutiwe,

TIXO Somandla Ongunapakade, siyakubulela ngentliziyo yonke kuba uvumile ukusipà tina esite sazamkela ezimfihlakalo zingcwele ukuba sidle ukudla kompefumlo okungum-Zimba ne-Gazi elinqabileyo lo-Nyana wako u-Yesu Kristu u-Msindisi wetu; usiqinisela ngazo ufefe nokulunga kwako; sibulela nokuba singamalungu kanye amiliselweyo emzimbeni wo-Nyana wako olibandla elingcwele lawo onke amakòlwa; sikwazindla-mafa ngetemba zobomi bapakade, ngenxa yemfaneleko zokufa nokuva intlungu ko-Nyana wako otandiweyo. Siyakukunga ngentobeko, Bawo wasezulwini, ukuba usinceda nje ngofefe lwako, size sihlale kobobudlelane bungcwele, senze yonke imisebenzi elungileyo osimisele ukuba siyenze, siyihambe nendlela oti masihambe ngayo; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu, onokudunyiswa nawe, no-Moya Oyingcwele, ngonapakade. Amen.

Kwandule kutetwe okunye kuculwe,
 

Thanksgivings
UDUMO ku-Tixo Opezulu, uxolo emhlabeni, inkolelo ebantwini. Siyakubonga, sikuncoma, sikunqula, sikudumisa, silmbulela ngenxa yobukulu bodumo lwako, Nkosi Tixo, Kumkani wasezulwini, Tixo Bawo Somandla.
    Wena Nkosi, Nyana okupèla kozelweyo, Yesu Kristu; Nkosi Tixo, Mvana ka-Tixo, Nyana ka-Yise, wena osusa izono zelizwe, Taru. Wena osusa izono zelizwe, Taru. Wena osusa izono zelizwe, wamkele umtandazo wetu. Wena ohleli ngasekunene kuka-Tixo u-Yise, Taru.
    Ngokuba nguwe wedwa ongcwele; nguwe wedwa oyi-Nkosi; nguwe wedwa, Kristu, no-Moya Oyingcwele, ongopezu konke ebuqaqaulini buka-Tixo u-Yise. Amen.

Ati um-Priste (u-Bishop ukuba ukò) abandulule ngale-Ntsikelelo.
 

Gloria
UXOLO luka-Tixo, olugqita kuko konke ukuqonda, malugcine intliziyo nengqondo zenu nimazi nimtande u-Tixo, no-Nyana wake u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu: ati u-Tixo u-Somandla, u-Yise, u-Nyana, u-Moya Oyingcwele, anisikelele ahlale kuni ngonapakade. Amen.

Imitandazwana engatetwayo emva ko-Nikelo nxa kungekò Mtendelekò; inokutetwa nasemva kwemi-Tandazwana kum-Tandazo wa-Kusasa nowango-Kuhlwa, kum-Tendeleko, ne-Litani, ngokubona ko-Mfundisi.
 

Dismissal
SINCEDE, Nkosi, kwezizikungo zetu, uzibèkise izicaka zako endleleni esinga ebomini bapakade; size siti kuzo zonke izinto ezinokusihlela kobubomi bupèlayo sihlale silondolozwa ngoncedo lwako; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

NKOSI Somandla, Tixo Ongunapakade, siyakukunga ukuba mauzilungise, uzingcwalise, uzipàte intliziyo zetu nemizimba yetu sihambe ngendlela ye-Lizwi lako, siyenze imiteto yako; size siti ngokusigcina kwako okunamandla silondolozwe umzimba nompefumlo kaloku nangonapakade, ngaye Oyi-Nkosi no-Msindisi wetu u-Yesu Kristu. Amen.

YENZA, siyakukùnga, Tixo Somandla, ukuba lamazwi siwavileyo ngendlebe amiliselwe nguwe ezintliziyweni zetu, size sivelise iziqàmo zentlalo elungileyo, kuze kuzukiswe kubongwe i-Gama lako; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

SIKOKELE, Nkosi, kuyo yonke imisebenzi yetu ngofefe lwako olukulu, usihambise ngoncedo lwako olungapèliyo; ize yona iqalwe, ihanjiswe, ifeziselwe kuwe, sidumise ngayo i-Gama lako elingcwele, side siti ekugqibeleni ngetaru lako sizuze ubomi bapakade; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

TIXO Somandla, Mtombo wabo bonke ubulumko, ozaziyo zonke intswelo zetu singekaceli, nokungazi kwetu ukucela; Siyakukunga ukuba ube nosizi ngenxa yobutataka betu, usipÈ ezonto esoyika ukuzicela ngokungazifaneli kwetu, nezo singenakuzicela ngObumfama betu, ngenxa yemfaneleko yo-Nyana wako u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

TIXO Somandla, otembisileyo ukuba uyakuziva izicelo zabo bacelayo nge-Gama lo-Nyana wako; Sipulapule, siyakukùnga, tina sizenzileyo pambi kwako izicelo zetu; usipe ukuba sizizuze ezonto sizicelileyo ngokòlo nangokwentando yako, kuze kusizwe tina, kudunyiswe wena; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

Collects

Nge-Cawa nangeminye imi4la engcwele (ukuba akukò Mtendeleko) siyakwenziwa isi-Miselo som-Tendeleko, kuyekwe ekupèleni kom-Tandazo wokulitandazela lonke ibandla le-Kerike ka-Kristu esekòyo apa emhlabeni, kugqityelwe ngomnye walemi-Tandazwana nangelizwi loku-Sikelela,

Ukuba um-Priste uyabona ukuba alikò inani elaneleyo lokwamkela kunye naye, akayikuwenza um-Tendeleko.

Ukuba inani labantu bom-Tendeleko kwi-Parish lingapantsi kwamashumi amabini, akuyikwenziwa Mtendeleko ukuba abo bazakwamkela kunye nom-Priste ababatatu nokuba ababane ubuncinane babo.

Apo kukò iqela laba-Priste nama-Dikoni bayakuwamkela bonke um-Tendeleko kunye nom-Priste i-Cawa nge-Cawa. ukuba abanasizatu sibatintelayo.

Ukuze kungabikò nkani nancinga zimbi malunga ne-Sonka ne-Wayine, kwanele ukuba i-Sonka sibe sesidliwa ngabantu; siti kodwa sibe sesenqòlowa eyona intle icolekileyo, engaxutywanga nanto.

Ukuba kukò okuseleyo kwi-Sonka ne-Wayine okungangcwaliswanga kulungele u-Mfundisi kube kokwake. Ukuba kuko okuseleyo kobekungcwalisiwe akuyikupunywa nako e-Kerikeni, kuyakudliwa ngum-Priste nabanye kubamkeli ababizwa nguye, beguqiie, kwakupela ilizwi loku-Sikelela.

I-Sonka ne-Wayine zom-Tendeleko ziyakufunwa ngu-Mfundisi nama-Gosa e-Kerike ngemali emelwe kurolwa ngabantu.

Bonke abantu mabawamkele um-Tendeleko katatu ngonyaka ubuncinane, ngokungakumbì bamkele nge-Mini ye-Pasika. Mabati ke abantu bonke imiyaka ngeminyaka ngeloxesha bamrolele u-Mfundisi iminikelo yabo efanele ukurolwa nge-Pasika.

Yakugqitywa i-Nkonzo engcwele imali yo-Nikelo iyakucitelwa imisebenzi etile efanelekileyo, ngokubona ko-Mfundisi nama-Gosa. Ukuba abavumelani. wogweba u-Bishop.

Final Rubrics
(Note that the "Black Rubric" is missing)

 

Return to the 1662 Book of Common Prayer in Xhosa

Web author: Charles Wohlers U. S. EnglandScotlandIrelandWalesCanadaWorld