Seal of the Church in the Province of Southern Africa The Book of Common Prayer
United States England Scotland Ireland Wales Canada World

    The Book of Common Prayer (1662)
in Xhosa

 

UMMISELO

WOKWENZIWA KWESIDLO SENKOSI ESINGUMTENDELEKO ONGCWELE

Bonke abafuna ukungena em-Tendelekweni mabawaxele amagama abo kum-Fundisi, ingekafiki imini yokwenziwa kwawo.

Ukuba kukò kubo owaziwayo ukuba uhleli esonweni, okunye ungumapùli wemimiselo ye-Kerike, uyakuti um-Fundisi akukwazi oko, ambize lomntu, amqondise ukuba makangakè alinge ukuza e-Tafileni ye-Nkosi, ade axele ekuhleni ukuba uguqukile kanye, wazilungisa zonke indawo ate wona ngazo, ukuze in-Tlanganiso ebixakanisiwe nguye ibuye ikòliseke. Kanjalo lomntu makaxele ukuba ubaxolisile abantu abebonile, ati okunye enze isitembiso sokuti uyakukwenza oko, akuba namandla okwenjenjalo.

Um-Fundisi uyakwenza kwa ngokunjalo akubona ukuba kukò abantu abanenzondo betiyene; angavumi ukuba beze e-Tafileni ye-Nkosi ade abone ukuba baxolelene. Ke ukuba omnye wabo batiyeneyo unga angakuxolela ngentliziyo konke ukoniwa kwake, avume ukwenza imbuyiselo ngokwake ukona; kanti ukuba omnye lowo akavumi, upikele ukuhlala ngenkani nenzondo, um-Fundisi uyakumamkela oguqukileyo em-Tendelekweni ongcwele, amale ongaguqukanga. Woti um-Fundisi obakùpayo abantu njengoko kubàliweyo apa, ababike ku-Bishop zingekagqiti intsuku ezilishumi elinane. Ati u-Bishop, ukuba kuyafuneka, abapdte abobantu ngokomteto omiselweyo.

Maiti i-Tafile ngexsha lom-Tendeleko ibe ne-linen emhlope entle. Ati um-Priste, emi ngase-Tafileni, afunde ngelizwi elivakalayo, abantu beguqile:
 

 

The Order for the Administration of the Lord's Supper
or
Holy Communion
(1929 South African Rite)
ISINGENISO.

BAWO wetu osezulwini, Malingcwaliswe i-Gama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, Njengokuba isenziwa ezulwini. Sipè namhla-nje isonka setu semihla ngemihla. Usixolele izono zetu, Njengokuba nati sibaxolela abasonayo. Ungasingenisi ekuhendweni; Usisindise enkohlakalweni. Amen.
 

Introduction

Lord's Prayer

Um-Tandazwana.

TIXO Somandla, ekutyileke kuwe intliziyo zabantu, oyaziyo yonke iminqweno yabo, ongenakufihlelwa nto; Hlambulula intliziyo zetu ngokusipefumlela ngo-Moya wako oyi-Ngcwele, size sikutande ngokupèleleyo, silidumise i-Gama lako elingcwele ngokulifaneleyo; ngaye u-Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

Collect for Purity

Ati um-Priste, ebèke ebantwini, ashumayele ngezwi elivakalayo IMITETO ELISHUMI, abantu besaguqile; bati emva kwemi-Teto ngaminye batàruzise u-Tixo ngenxa yokuyigqita kwabo (okunye ngokobàlo, mhlaumbi ngokwentsingiselo yasemoyeni), bacele amandla okuyibamba ngexesha elizayo, ngokulandelayo:

Um-Fundisi.

    I. U-TIXO wateta lamazwi, watì; Mna ndiyi-Nkosi u-Tixo wako: Akuyikuba natixo bambì ngapandle kwam.
    II. Akuyikuzenzela mfanekiso uqingqiweyo, nanto ifana nesezulwini pezulu, nesemhlabeni pantsi, nesemanzini ngapantsi komhlaba. Akuyikuqubuda kuzo, ungazinquli kanjalo.
   III. Akuyikufumana ulikànkanye i-Gama le-Nkosi u-Tixo wako.
   IV. Kumbula umhla we-Sabata uwenze ngcwele. Uyakusebenza imihla ibe mitandatu, uwenze wonke umsebenzi wako; ke wona umhla wesixènxe nyi-Sabata ye-Nkosi u-Tixo wako.
    V. Beka uyihlo nonyoko.
   VI. Akuyikubulala.
   VII. Akuyikurexeza.
   VIII. Akuyikuba.
   IX. Akuyikunqlna ubuxoki.

A bantu nabavumi bayakufunda, okunye bavume, emva kwemiteto ngaminye:

    Nkosi, senzele inceba, uzibekise intliziyo zetu ekubambeni lomteto.

    X. Akuyikunqwenela.
    Impendulo. Nkosi, senzele inceba, uyibàle lemiteto yako yonke ezintliziyweni zetu, siyakutandaza.
 

Ten Commandments

Imiteto elishumi mayifundwe kube kanye nge-Cawa nge-Advent ne-Lent, kodwa inokuyekwa ngamaxa wambì. Xana iyekiweyo, kotìwa:

WATI u-Yesu: Uyakuyitanda i-Nkosi u-Tixo wako ngentliziyo yako yonke, nangompefumlo wako wonke, nangengqondo yako yonke, nangamandla ako onke: Nguwo lo ongapambili nomkulu umteto. Nowesibini ufana nawo, nangu, Uz'ulutande umelwane lwako njengoko uzitanda ngako. Kulemiteto mibini kuxòmekeke wonke umteto naba-Profite.
    Abantu. Nkosi, senzele inceba, uyibà1e lemiteto yako yonke ezintliziyweni zetu, siyakutandaza.

Emva koluntshwankatelo, okunye endaweni yalo, kungafundwa mhlaumbi kungavunywa:

Nkosi, senzele inceba.
    Kristu, senzele inceba.
Nkosi, Benzele inceba.

Kwandule kutetwe:

    Um-Priste. I-Nkosi maibe nani.
    Abantu. Ibe nomoya wako.

Masitandaze.

Kwandule kutetwe um-Tandazwana wemini ekòyo. Eminye imi-Tandazwana ingalandela njengokumiselwa kwayo, okanye njengokugunyaziswa kwayo, um-Tandazwana wokugqibela ube nesipelo esizeleyo.

 

Summary of the Law
IMFUNDISO.

Ati um-Priste akuwugqiba um-Tandazwana, afunde i-Nowadana yalomini, esitì, I-Ncwadana [ati mhlaumbi, Isi-Catshulwa sezi-Balo esimiselwe i-Ncwaidana,] ibàlwe [sibàlwe] kwisahluko — sika- —, kuqala kwisahlukwana —. Yakugqitywa i-Ncwadana uyakutì, Ipèla apa i-Ncwadana. Aze afunde i-Vangeli, (abantu bemi), esitì, i-Vangeli engcwele ibàlwe kwisahluko — sika- —, kuqala kwisahlukwana —.

    Abantu. Makuzukiswe wena, Nkosi.

Emva kwe-Vangeli abantu bayakufunda okunye bavume: Siyakubulela, Nkosi.

Ke ofunda. i-Ncwadana nokuba i-Vangeli uyakubèka ebantwini ukuba babe nokuva bonke.

Ukuba kukò abangabàptizwanga nabaguquki, apa kungalandela intshumayelo, baze, emva kwayo, bandululwe ngomtandazo nangentsikelelo. Kuze ke kuvunywe, mhlaumbi kutetwe, ing-Xelo yo-Kòlo ngokulandelayo, abantu bemi bonke:
 

Instruction
NDIYAKOLWA ku-Tixo omnye, u-Yise u-Somaandla, um-Dali wezulu nomhlaba, Nento zonke ezibonakalayo nezingabonakaliyo:
    Nakuyo i-Nkosi inye u-Yesu Kristu, okupèla kozelweyo u-Nyana ka-Tixo, Owazalwa ngu-Yisa kungekabikò mhlaba, U-Tixo owazalwa ngu-Tixo, Olu-Kànyiso owazalwa nguye olu-Kanyiso, U-Tixo wenene owazalwa ngu-Tixo wenene, Owazalwa, engadalwanga, Emmo nye no-Yise, Zaye zonke izinto zidalwe ngaye: Owati ngenxa yetu tina bantu, nangenxa yosindiso lwetu, wehla ezulwini, WENZIWA WABA YINYAMA NGO-MOYA OYI-NGCWELE NGAYO IN-TOMBI U-MARIYA, WENZIWA WABA NGUMNTU: Waza wabetelelwa emnqamlezweni ngenxa yetu ngo-Pontiyus Pilato, Weva ubunzima, wancwàtywa. Wati ngomhla wesitatu wabuya wavuka ngokwezi-Bàlo, Wenyukela ezulwini, Uhleli ngasekunene kuka-Yise; Wobuya eze enobuqaqauli agwebe abahleliyo nabafileyo: Obukumkani bungasayikupèla.
    Ndiyakòlwa naku-Moya oyi-Ngcwele, oyi-Nkosi, ongum-Dlisi wobomi, Opuma ku-Yise naku-Nyana, Onqulwayo ezukiswa kunye no-Yise no-Nyana, Owateta ngaba-Profite. Ndiyakòlwa yi-Kerike inye, eyi-Ngcwele, eyi-Katolika, eyaba-Postile. Ndivuma u-Bàptizo lunye lokuxolelwa kwezono. Ndikangela nokuvuka kwabafileyo, nobomi belizwe elizayo. Amen.

Andule um-Fundisi axele ebantwini imihla engcwele nemihla yokuzila ye-veki ezayo efanele ukugcinwa. Ati (ukuba kuyafuneka) ashumayele imini yokwenziwa kom-Tendeleko; kubizwe amagama abazakutshata; kufundwe nencwadi ezivela ku-Bishop, nezokukùpa abantu e-Kerikeni. Ngum-Fundisi kupela onokushumayela nayipi into e-Kerikeni ngexesha len-Konzo engcwele, naye akanakwenjenjalo engavunyelwanga yimiteto yale-Ncwadi, okunye engayalezwanga ngu-Bishop.

Apa ke kungalandela intshumayelo, ukuba ngaba ayishunyayelwanga pambi kweng-Xelo yo-Kòlo.
 

Nicene Creed

UNIKELO.

Ati um-Priste abuyele e-Tafileni ye-Nkosi, aqale u-Nikelo, ekèta kwezizahlukwana zilandelayo inani alibonayo.

    I-Advent. Gcoba kunene, ntombi u-Tsiyon; duma, ntombi u-Yerusalem; yabona ukumkani wako uza kuwe.   Zech. ix.
    Ngom-Hla we-Kristmas. Sizalelwe umntwana, sinikwe unyana.   Is. ix.
   I-Epifani. Boqubuda kuye bonke okumkani; zimkonze zonke intlanga.   Ps. lxxii.
   I-Lent. Razulani intliziyo yenu, ingabi zingubo zenu, nibuyele ku-Yehova u-Tixo wenu; kuba unobabalo nemfesane.   Joelii.
   Ngexesha len-Tlungu. Ingcikivo yapùla intliziyo yam, ndapants' ukufa; ndatemba ukukùzwa, akwabikò; nokututuzelwa, andakufumana.   Ps. lxix.
    I-Pasika. U-Kristu yena uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa. Aliluya.   1 Cor. xv.
    Uku-Nyukela. Pakamisani intloko zenu, masango, nizipakamise, minyango yapakade; angene lokumkani wozuko. Aliluya.   Ps. xxiv.
   I-Pentekost. Ndowutulula umoya wam pezu kwenyama yonke. Aliluya.   Joel ii.
   Eyom-Triniti. Ngubanina ongeke akoyike wena, Nkosi, angalizukisi igama lako? ngokuba inguwe wedwa ongcwele.   Rev. xv.
   Imihla yaba-Ngcwele. Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zako; bakubonge abangcwele bako.   Ps. cxlv.
   Ukukùmbula abangasekòyo. Akuko namnye kuti uzidlelayo ubomi, akukò namnye uzifelayo. Kuba nokuba siti sidle ubomi, sibudlela i-Nkosi; nokuba siti sife, sifela i-Nkosi: ngoko ke nokuba siti sidle ubomi nokuba siti sife, singabe-Nkosi.   Rom. xiv.
    Ngoxananazo. Malukànye ngokunjalo ukànyiselo lwenu pambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise u-Yihlo osezulwini.   S. Matt. v.
    Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apo konakalisa inundu nomhlwa, nalapo amasela agqobozayo ebè: ziqwebeleni ke ubutyebi ezulwini, apo kungonakalisi nundu namhlwa, nalapo amasela angagqoboziyo ebè.   S. Matt. vi.
    Zonke izinto enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; ngokuba oko kungum-Teto naba-Profite.   S. Matt. vii.
    Asingabo bonke abatì kum, Nkosi, Nkosi, abayakungena ebu-Kumkanini bezulu; ngokwenzayo ukutanda kuka-Bawo osezulwini.   S. Matt. vii.
    Kùmbùlani amazwi e-Nkosi u-Yesu, ngokuba yena watì, Ukupà kunoyolo ngapezu kokuplwa.   Acts xx.
    Makati lowo ufundiswayo ili-Zwi abelane nalowo ufundisayo ngento zonke ezilungileyo. Musan' ukulahlekiswa; u-Tixo yena asingowokuhlekisa: kuba into ate wahlwayela yona umntu wovuna kwa yona.   Gal. vi.
    Njengoko singati sibe netuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke; ngokukodwa ke kwabendlu yokòlo.   Gal. vi.
    Hayi uyolo lwalowo unyamekela ihlwempu: ngomhla wobubi u-Yehova uyakumhlangula.   Ps. xli.
    Hambani elutandweni, kwa njengokuba naye u-Kristu wasitandayo, wazinikela ngenxa yetu ukuba abe ngumnikelo nedini kuye u-Tixo; ukuba abe livumbà elimnandi.   Eph. v.
    Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngemfefe zika-Tixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini elipilileyo, elingcwele, elikolekileyo ku-Tixo, inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.   Rom. xii.
    U-Malkitsedeki ukumkani wase-Salem wapuma enesonka ne-wayine; ube ngumenzeleli ka-Tixo osenyangweni.   Gen. xiv.
   Ndiyakubingelela kuwe umbingelelo wombulelo, ndinqule igama lika-Yehova. Ewe, ndiyakuzizalisa izibàmbàtiso zam ku-Yehova, pambi kwabantu bake bonke.   Ps. cxvi.
    Zivela kuwe zonke izinto, sikunika okuvele esandleni Bako.   1 Chron. xxix.

Koti kusatetwa ezinye kwezizahlukwana, kuhlanganiswe amalizo awenzelwa amahlwempu, kwa neminye iminikelo yabantu, ngama-Dikoni nama-Gosa e-Kerike nabanye abantu abafanelekileyo, ngesitya esihle esifunelwe lomsebenzi yi-Parish; basizise ngokubekekileyo kum-Priste, oyakusinikela asibeke ngolulamo e-Tafileni engcwele.

Ke um-Priste uyakubeka e-Tafileni into eyaneleyo yesonka ne-wayine atì:

SIKELELA, Nkosi, siyakukùnga, ezizipò zako, uzingcwalisele lomsebenzi uzukileyo, ukuze ngazo sidliswe umpefumlo nomzimba kuse ebomini bapakade. Amen.

Xana kutandazelwa, okunye kubulelwa ngento etile, oko kolungiselelwa ngesimiselo esisikokeliso apa okunye pambi ko-Nikelo.

Kwakukòva ukwenziwa oko, um-Priste uyakuti:
 

Offertory
Masitandazele lonke ibandla le-Kerike ka-Kristu.

TIXO Somandla ongunapakade, osifundisileyo ngom-Postile wako ongcwele ukuba senzele abantu bonke imitandazo, izitaruziso, nemibulelo; Siyakukùnga ngolulamo ukuba wamkele ngezibele zako [amalizo na] leminikelo yetu, uyive lemitandazo yetu siyinikela kuwe, Somkulu; sikukùnga ukuba uhlale uyigalela i-Kerike eyi-Katolika ngomoya wenyaniso, womanyano, nowovumelano: Baze bonke abavuma i-Gama lako elingcwele bavumelane ngenyaniso yeli-Zwi lako, bahlale bebanye ngotando. Siyakukùnga kanjalo ukuba ukokelele zonke intlanga ebulungiseni naseluxolweni. Laula bonke o-Kumkani, ab-Ongameli, naba-Pati, ukuze ilizwe lilaulwe ngokulunga nangokuzola. Usinike isicaka sako u-GEORGE, u-Kumkani wetu, abakònzi bake, nengqungqutela zake ezilaulayo, nabo bonke abasemagunyeni kulo lonke alongameleyo, ukuba balungise ukugweba bengaketù bantu, kuze kohlwaywe aboni nezikohlakali, kusekelwe inkonzo yako yenyaniso nobulungisa.
    Banike ubabalo, Bawo wasezulwini, bonke o-Bishop, naba-Priste, nama-Dikoni, ngokukodwa isicaka sako u-N. u-Bishop wetu, baze bati ngentlalo nangokufundisa balibonakalise ili-Zwi lako eliyinyaniso elipilileyo, bazipàte ngokufanelekileyo i-Sakramente zako ezingcwele ngoko kumisiweyo: Nabantu bako bonke ubapè amandla asezulwini; ngokukodwa aba bakòyo apa; ukuze balive ili-Zwi lako elingcwele balamkele ngentliziyo elulamileyo, nangohlonelo olufaneleyo; bakukbuze ngobungcwele, bahlale belungisa yonke imihla yabo. [Luleka upumelelise, siyakutandaza, bonke abo bazamela ukusasaza in-Daba zako ezilungileyo ezintlangeni.]
    [Nika ukukànya ko-Moya wako kuzo zonke izi-Kolo, kwa nen-Kundla zemfundo epakamileyo, ukuze ilizwe lizaliswe kukwaziwa kwenyaniso yako.] [Banike bonke abantu emisebenzini yabo ukuba bazamele impumelelo yabantu bonke, bandise ububele nobuzalwane ehlabatini.]
    Nabate, Nkosi, kobubomi bupèlayo bakatazeka, nabasezintsizini, nabasweleyo, nabagulayo, nabahlelwa nabubupina ububi, ubavelele ubasize.
    Siziyaleza elugcinweni lwako, Nkosi, zonke izicaka zako ezemkayo kobubomi ziselukòlweni lwako nasekukoyikeni, sikukùnga ukuba uzenzele inceba, uzinike ukukànya noxolo kaloku nakwimini yovuko.
    Saye sikubabaza ngokukulu wena, Nkosi, sikubulela ngokupèleleyo ngentliziyo ngenxa yobabalo olungummangaliso kwanokulunga okutyiliweyo kubo bonke aba-Ngcwele bako, ngokukodwa kwin-Tombi encomekayo u-Mariya, u-Nina wo-Nyana wako u-Yesu Kristu, i-Nkosi yetu u-Tixo wetu, nakumanyange angcwele, aba-Profite, aba-Postile, naba-Feli; sikukùnga ukuba usinike ubabalo, ukuze siti, sivuya ebudlelaneni baba-Ngcwele, kananjalo silandela umzekelo olungileyo wabo bakukònzileyo apa, sibe ngabamkeli kunye nabo bobukumkani bako basezulwini:
    Kwenze oku, Bawo, ngenxa ka-Yesu Kristu, osilamlelayo, enguye yedwa ositetelelayo. Amen.
 

Prayer for the whole state of Christ's Church
ISILUNGISELELO.

Au um-Priste abèkise kwabo baza kuwamkela um-Tendeleko atì,

NINA niguqukayo ezonweni zenu ngokwenyaniso. nihleli nitandana nabamelwane benu, enizakulinga ukuhlala ngesimilo esitsha, niyibamba imiteto ka-Tixo, nihamba ngendlela zake ezingcwele: Sondelani ngokòlo, namkele le-Sakramente ingcwele inomeleze; nenze ingxelo yezono zenu ku-Tixo u-Somandla, niguqile ngamadolo.

Kwandule kwenziwe leng-Xelo egameni labo bonke abazimisele ukwamkela um-Tendeleko, ngomnye waba-Fundisi; yena nabantu bonke beguqile ngaamadolo, besiti,
 

Preparation
TIXO Somandla, Yise we-Nkosi yetu u-Yesu Kristu, m-Dali wento zonke, m-Gwebi wabo bonke abantu; Siyazivuma sizililela izono zetu ezininzi nenkohlakalo yetu, Esizenzileyo amaxesha ngamaxesha, Ngokucinga, ngokuteta, nangokwenza, Sicàsene nobukulu bako, Sikuqumbisa wena ofanele ukuqumba. Siyaguquka ngokwenene, Intliziyo zetu zilusizi ngenxa yezigqito zetu; Kubuhlungu nokuzikùmbula; Ziyasisinda asinakuzitwala. Senzele inceba, Senzele inceba, Bawo onceba ingenakulinganiswa; Ngenxa yo-Nyana wako i-Nkosi yetu u-Yesu Kristu, Sixolele konke okudlulileyo; Wenze okokuba sihlale sikukonza sikukòlisa ngentlalo entsha, Kuze kudunyiswe i-Gama lako; Ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

Ati um-Priste (nokuba ngu-Bishop xa akòyo) eme, abeke ebantwini, asitete esisi-Kùlulo, atì,

U-TIXO u-Somandla, u-Bawo wetu wasezulwini, ote ngenceba yake enkulu wabatembisa ukuxolelwa kwezono bonke abanenguquko yentliziyo nokòlo olunyanisekileyo; Makabe nenceba kuni; anixolele anikùlule kuzo zonke izono zenu; aniqinise anomeleze kuko konke okulungileyo; ade aningenise ebomini obungunapakade; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi letu. Amen.

Aze ati um-Priste,
 

Confession & absolution
YIVANI amazwi amnandi awatetayo um-Sindisi wetu u-Kristu kubo bonke abaguqukela kuye ngokwenyaniso.
    Yizani kum nonke nina nibulalekayo nisindwayo ngumtwalo, ndoninika ukupumla.   U-Mateyu o-Ngcwele xi. 28.
    Wenjenje u-Tixo ukulitanda kwake ihlabati ude wanikela u-Nyana wake okupèla kwamzeleyo, ukuze bonke abakòlwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunapakade.   U-Yohane o-Ngcwele iii. 16.
    Yivani noko akutetayo u-Paulos o-Ngcwele.
    Litembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba u-Kristu Yesu weza ehlabatini ukuba asindise aboni.   1 ku-Timote i. 15.
    Yivani noko akutetayo u-Yohane o-Ngcwele.
    Ukuba kuko ote wona, sinom-Teteleli kuye u-Yise, n-Yesu Kristu ilungisa; yena ulucamagushelo lwezono zetu.   1 ka-Yohane o-Ngcwele ii. 1.
 
Comfortable words
UKUNGCWALISA.

Ati um-Priste, emi ngase-Tafileni, alungise isonka ne-wayine, aze abe nokusiqèkeza isonka kakuhle pambi kwabantu, nokuyitabata indebe ezandleni zake, andule enze um-Tandazo woku-Ngcwalisa njengoko kulandelayo.

    Um-Priste. I-Nkosi maibe nani.
    Impendulo. Ibe nomoya wako.
    Um-Priste. Pàkamisani intliziyo zenu.
    Impendulo. Siyazipàkamisela e-Nkosini.
    Um-Priste. Masibulele e-Nkosini ku-Tixo wetu.
    Impendulo. Kufanelekile ku1ungile ukwenjenjalo.

Woza um-Priste abeke e-Tafileni ye-Nkosi, atì,

KUFANELEKILE kunene, kulungile, yaye ingumsebenzi wetu esimelwe kukuwenza, ukuba siti ngamaxesha onke, nakuzo zonke indawo, sibulele kuwe, Nkosi, Bawo ongcwele, Somandla, Tixo onguuna pakade.

Koti kulendawo ukuba ngumhla onesibongo sawo esimisiweyo (amapèpà 23-26) kulandele sona, okunye kohanjiswa kutiwe ngemini ye-Cawa :

ONGU-TIXO omnye, oyi-Nkosi enye, uno-Nyana wako okupèla kozelweyo, no-Moya oyi-Ngcwele, ukwim-Milo n-Tatu yezimmo nakubo ubu-Nye bem-Mo, odale zonke izinto ngeli-Zwi lako lapakade. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

Ngeminye imihla kolandela:

NGAKO oko kunye ne-Ngelosi nezin-Kulu kuzo, nomkosi wonke wasezulwini, siyalibonga silidumise i-Gama lako elingcwele; sihlala sikubonga sisitì:
    Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele, Nkosi Tixo wemikosi, izulu lizele kwa nomhlaba bubuqaqauli bako: Makuzukiswe wena, Nkosi epezu konke. Amen.

LONKE uzuko nombulelo kuwe, Tixo Somandla, Bawo wasezulwini, kuba ute ngenceba yako wanikela okupèla ko-Nyana wako u-Yesu Kristu ukuba abutabatele kuye ubuntu betu, eve ukufa emnqamlezweni ngenxa yokusindiswa kwetu; owati ezinikele kòna kwa kanye wenza idini elizalisekileyo, nomnikelo ofezekileyo, nentlaulelo eyaneleyo, ngenxa yezono zabantu bonke; wati e-Vangelini yake wasimisela isiktimbuzo sokufa kwake esiyakuhlala sisenziwa, ade abuye eze.
    Sipulapule, siyakukùnga silulamile, Bawo onenceba; usipè ukuba siti sizamkela nje ezizidalwa zako, isonka ne-wayine, njengoko kwamiswayo ngu-Nyana wako u-Yesu Kristu um-Sindisi wetu, sikukùmbula ukufa nokubandezelwa kwake, sibe nokwamkela um-Zimba wake ne-Gazi lake:
  * Woti apa um-Priste asitabalele isitya ezandleni zake:
 Ati apa aqèkeze isonka:
  ‡ Woti apa asibeke isandla pezu kwaso sonke isonka :
  § Woti apa ayitabatele indebe ezandleni zake :
  # Ati apa asibeke isandla pezu kwazo zonke izitya ezinewayine ezakungcwaliswa.
owati, kwa ngobobusuku wanikelwa ngabo, *watabata isonka; wati, akuba ebulele, †wasiqekeza, wasinikela kubafundi bake, esitlì, Tabatani, nidle, ‡ngum-Zimba wam lo onikelelwa nina: kwenzeni oku kube sisikùmbuzo ngam. Kwati kwa ngokunjalo emva kwesidlo sangokuhlwa §watabata indebe; wati, akuba ebulele, wayinikela kubo, esitì, Selani nonke kuyo; ngokuba #1i-Gazi lam eli lom-Nqopiso omtsha, elipàlalela nina nabaninzi ukuze kuxolelwe izono: Ngamaxesha onke enisukuba niyisela, kwenzeni oku kube sisiktimbuzo ngam.


    Ke ngoko, Nkosi, Bawo wasezulwini, ngokwesimiselo so-Nyana wako otandiweyo, u-Yesu Kristu, um-Sindisi wetu, tina zicaka zako ezilulamileyo, ngokukùmbula intlungu zake ezibubomi, nokufa kwake okuxabiso likulu, ukuvuka kwake okunamandla, nokunyukela kwake okuzukileyo, sikunikela incamisa yombulelo wentliziyo ngenxa yamalungelo angenakubalwa asenzele wona; siti sikulindele ukuza kwake okunamandla nobuqaqauli obukulu, sinikele apa kuwe, Somkulu, esisonka singcwele sobomi bapakade nalendebe yosindiso lwapakade; saye sikuktinga ngolulamo ukuba usigalele nezizipò zako ngo-Moya wako oyi-Ngcwele, ukuze siti sonke esingabamkeli balom-Tendeleko ongcwele samkele ngokufanelekileyo um-Zimba ne-Gazi lo-Nyana wako elixabiso likulu, sizaliswe ngobabalo nangentsikelelo yasezulwini.
    Tina esilangazelelayo ukulunga kwako, siyakutandaza ngokupeleleyo ukuba mauti ngobubele bobuzali bako ulamkele elidini letu lombongo nombulelo; sikukùnga ngolulamo okokuba usipè ukuba tina ne-Kerike yako yonke sizuze, ngemfaneleko nokufa ko-Nyana wako u-Yesu Kristu, nangokòlo e-Gazini lake, uxolelo lwezono zetu, nawo onke amanye amalungelo entlungu zake.
    Nakaloku, Nkosi, sizinikela kuwe, imizimba nemipefumlo yetu, ukuba sibe lidini eliqondakalayo, elingcwele, elipilileyo.
    Nangona singafanele, ngenxa yezono zetu ezininzi, ukukwenzela idini, kodwa sikukùnga ukuba uyamkele lenkonzo yetu, esimelwe kukuyenza; ungalinganiseli ukufaneleka kwetu, kodwa usixolela izipòso zetu, ngenxa ka-Yesu Kristu i-Nkosi yetu; esiti ngaye sizukise wena Bawo, uno-Nyana wako lowo, nibanye no-Moya oyi-Ngcwele, ngonapakade.

Apa ke mabati bonke abantu:   Amen.

    Njengokuba um-Sindisi wetu u-Yesu Kristu esiyalele wasifundisa sinobllganga bokutì:

Uyakuti ke um-Priste atandaze kunye nabantu ngom-Tandazo we-Nkosi:
 

Consecration

BAWO wetu osezulwini, Malingcwaliswe i-Gama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, Njengokuba isenziwa ezulwini. Sipè namhla-nje isonka setu semihla ngemihla. Usixolele izono zetu, Njengokuba nati sibaxolela abasonayo. Ungasingenisi ekuhendweni; Usisindise enkohlakalweni: Ngokuba ubukumkani bobako, Namandla, nozuko, Ngonapakade. Amen.

 

Lord's Prayer
UKWAMKELA.

Kotiwa cwaka umzuzwana, ze ke kulandele lomtandazo, utetwe ngum-Priste eguqile, egameni labo bonke abazakuwamkela um-Tendeleko:

NKOSI enenceba, asizi kule-Tafile yako ngokuuingca, sitemba obetu ubulungisa, kodwa siza sitemba inceba. zako ezinkulu. Asifanelekile kucòla. nemvutuluka epantsi kwe-Tafile yako. Kodwa usekwayilo-Nkosi, kunawe ukuba nenceba; Sipè ngoko, Nkosi Sobubele, ukuba siti sisidla. inyama yo-Nyana wako oyintanda, u-Yesu Kristu, silisela negazi lake, kuhlanjululwe lemizimba. yetu enezono ngomzimba wake, iti nemipefumlo yetu ihlanjululwe ngegazi lake elinqabileyo, sihlale sihleli kuye, naye ahlale kuti, ngonapakade. Amen.

Andule um-Priste aqèkeze isonka, amkele ngokwake um-Tendeleko ngentlobo zombini, ati emva koko abamkelise o-Bishop, naba-Priste, nama-Dikoni, (xa bakòyo), andule abanike abantu ngabanye, ezandleni zabo, beguqile ngentobeko, Woti akunikela isonka emntwini atete lamazwi, atì,
 

Communion

 

  

Prayer of humble access

UMZIMBA we-Nkosi yetu u-Yesu Kristu owanikelelwa wena, mawugcine umzimba nompefumlo wako ngonapakade. Tabata udle oku, ukumbula ukuba u-Kristu wafela wena, udle yena entliziyweni yako ngokolo nangombulelo.

Atì um-Fundisi akunikela indebe emntwini atete lamazwi, atì,

IGAZI le-Nkosi yetu u-Yesu Kristu elapàlalela wena, maligcine umzimba nompefumlo wako ngonapakade. Sela oku, ukùmbula ukuba i-Gazi lika-Kristu lapalalela wena, ubulele.

Okanye um-Priste pambi kokubanika isonka abantu, atì kubantu bonke:

SONDELANI, namkele um-Zimba ne-Gazi le-Nkosi yetu u-Yesu Kristu ezanikelelwa nina, nidle yena ezintliziyweni zenu ngokòlo nangombuleh

Ke ukuba utshilo, uyakutì xana anikela isonka emntwini:

UMZIMBA we-Nkosi yetu u-Yesu Kristu mawugcine umzimba nompefumlo wako ngonapakade.

Nom-Fundisi onikela indebe emntwini uyakutì:

IGAZI le-Nkosi yetu u-Yesu Kristu maligcine umzimba nompefumlo wako ngonapakade.

Ati um-Priste, xa swamkele bonke, abuyele e-Tafileni ye-Nkosi, ati ngohlonelo abeke pezu kwayo oko kuseleyo kwezonto zingcwalisiweyo, akugqubutele nge-linen emhlope entle; mhlaumbi ngokubona kwake akwamkele ngembeko.
 

Words of adminstration
UMBULELO.

Andule ke ukwenza lom-Bulelo ngom-Tendeleko.

    Um-Priste. Bulelani i-Nkosi, ngokuba ilungile;
    Impendulo. Ngokuba ingunapakade inceba yayo.
 

Thanksgivings

TIXO Somandla ongunapakade, siyakubulela ngentliziyo yonke kuba uvumile ukusipà tina esite sazamkela ezimfihlakalo zingcwele ukuba aidle ukudla kompefumlo okungum-Zimba ne-Gazi elinqabileyo lo-Nyana. wako u-Yesu Kristu um-Sindisi wetu; usiqinisela ngazo utando nokulunga kwako; sibulela nokuba singamalungu kanye amiliselweyo emzimbeni wo-Nyana wako, olibandla elingcwele lawo onke amakòlwa; sikwazindlamafa ngetemba zobomi bapakade, ngenxa yemfaneleko zokufa okuxabiso likulu nokuva intlungu ko-Nyana wako otandiweyo. Siyakukùnga ngentobeko, Bawo wasezulwini, ukuba usinceda. nje ngobabalo lwako, size sihlale kobobudlelane bungcwele, senze yonke imisebenzi elungileyo osimisele ukuba siyenze, siyihambe nendlela oti masihambe ngayo; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu, onokuzukiswa nawe, no-Moya oyi-Ngcwele, ngonapakade. Amen.

Kwandule kutetwe okunye kuculwe,
 

General Thanksgiving
UZUKO ku-Tixo opezulu, uxolo emhlabeni, inkolelo ebantwini. Siyakubonga, sikuncoma, sikunqula, sikuzukisa, sikubulela ngenxa. yobukulu bozuko lwako. Nkosi Tixo, Kumkani wasezulwini, Tixo Bawo Somandla.
    Wena Nkosi, Nyana okupèla kozelweyo, Yesu Kristu; Nkosi Tixo, m-Vana ka-Tixo, Nyana ka-Yise, wena osusa izono zelizwe, senzele inceba. Wena osusa izono zelizwe, senzele inceba. Wena osusa izono zelizwe, wamkele umtandazo wetu. Wena uhleliyo ngasekunene kuka-Tixo u-Yise, senzele inceba.
    Ngokuba nguwe wedwa ongcwele; nguwe wedwa oyi-Nkosi; nguwe wedwa, Kristu, no-Moya oyi-Ngcwele, ongopezu konke ebuqa.qaulini buka-Tixo u-Yise. Amen.

Ati um-Priste (u-Bishop ukuba ukò) abandulule ngalent-Sikelelo.
 

Gloria
UXOLO luka-Tixo, olugqita kuko konke ukuqonda, malugcine intlizio nengqondo zenu nimazi nimtande u-Tixo, no-Nyana wake u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu: ati u-Tixo u-Somandla, u-Yise, u-Nyana, u-Moya oyi-Ngcwele, anisikelele ahlale kuni ngonapakade. Amen.
 
Dismissal

Imi-Tandazwana enokutetwa emva kom-Tandazwana walomini, okunye pambi kwent-Sikelelo. Eminye imi-Tandazwana inokuvunyelwa ngu-Bishop xa ifunekayo.

M-TRINITI o-Ngcwele, yamkela. ngotando lenkonzo sikunqula ngayo; langa elidini libekwe pambi kwako lingamkeleka kuwe, Somkulu. Usinike amandla kunye nabo bonke esite salinikelela bona; ohleli ulaula ungu-Tixo omnye kude kuse epakadeni. Ämen.

NKOSI, Yesu Kristu, owatì kuba-Postile bako, Uxolo ndilushiya nani, uxulo lwam ndilunika nina; ungakangeli izone zetu, kodwa ukangele ukòlo lwe-Kerike yako, onga ungayinika oloxolo lokuba ibe nye ngokwentando yako; ohleli ulaula uno-Yihlo no-Moya oyi-Ngcwele, emnye u-Tixo, ngonapakade. Ämen.

NKOSI Tixo wapakade, ogcine yonke imipefumlo ebomini; siyakukùnga ukuba utòbe e-Kerikeni yako yonke ese-Paradesi nalapa emhlabeni imità eqaqambileyo yokukànya kwako nentutuzelo yasezulwini; usinike ukuba silandela umzekelo olungileyo wabo bakutandileyo bakukònza apa, besekupumleni ngoku, siti kunye nabo ekupeleni singene kwinzaliseko yovuyo lwako olungapelendawo; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

SINCEDE, Nkosi, kwezizikùngo zetu, uzibèkise izicaka zako endleleni esinga ebomini bapakade; size siti kuso zonke izinto ezinokusihlela kobubomi bupelayo sihlale silondolozwa ngoncedo lwako: ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

NKOSI Somandla, Tixo ongunapakade, siyakukùnga ukuba mauzilungise, uzingcwalise, uzipàte intliziyo zetu nemizimba yetu sihambe ngendlela ye-Lizwi lako, siyenze imiteto yako; size siti ngokusigcina kwako okunamandla silondolozwe umzimba nompefumlo kaloku nangonapakade, ngaye oyi-Nkosi nom-Sindisi wetu u-Yesu Kristu. Amen.

YENZA, siyakukùnga, Tixo Somandla, ukuba lamazwi siwavileyo ngendlebe amiliselwe nguwe ezintliziyweni zetu, size sivelise iziqamo zentlalo elungileyo, kuze kubekwe kudunyiswe i-Gama lako; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

SIKOKELE, Nkosi, kuyo yonke imisebenzi yetu ngobabalo lwako olukulu, usihambise ngoncedo lwako olungapèliyo; ize yona iqalwe, ihanjiswe, ifeziselwe kuwe, sidumise ngayo i-Gama lako elingcwele, side siti ekugqibeleni ngenceba yako sizuze ubomi bapakade; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

TIXO Somandla, m-Tombo wabo bonke ubulumko, ozaziyo zonke intswelo zetu singekaceli, nokungazi kwetu ukucela; Siyakukùnga ukuba ube nosizi ngenxa yobutataka betu, usipe ezonto esoyika ukuzicela ngokungazifaneli kwetu, nezo singenakuzicela ngobumfama betu, ngenxa yemfaneleko yo-Nyana wako u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

TIXO Somandla, otembisileyo ukuba uyakuziva izicelo zabo bacelayo nge-Gama lo-Nyana wako; Sipulapule, siyakukùnga, tina sizenzileyo pambi kwako izicelo zetu; usipe ukuba sizizuze ezonto sizicelileyo ngokülo nangokwentando yako, kuze kusizwe tina, kuzukiswe wena; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.

Collects
IZIBONGO.

    Ngom-Hla we-Kristmas, kude kufike i-Epifani, nangemi-Hla yoku-Hlanjululwa noku-Shunyayezwa kwen-Tombi u-Mariya, [amazwi ati ‘kwa njengelixesha’ eshiyiwe ngalomihla].

KUBA wamnikayo u-Yesu Kristu okupela ko-Nyana wako ukuba azalelwe tina kwa njengelixesha; owati, ngo-Moya oyi-Ngcwele, wenziwa waba ngumntu ngenyaniso wemmo yen-Tombi u-Mariya unina; aze ati yena engenasono asihlambulule zonke izono. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

Nge-Epifani, nangemihla esixènxe elandelayo.

NGO-YESU KRISTU i-Nkosi yetu, owati ekwinyama yetu enokufa walubonakalalisa uzuko lwake, ukuze abakùpe bonke abantu kuzo zonke indawo ebumnyameni, abazise ekukànyeni kwake okungummangaliso. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

Ngolwesi-Ne pambi kwe-Pasika.

NGO-YESU KRISTU i-Nkosi yetu, owati, ebatandile abake ababesehlabatini wabatanda kwada kwasekupèleni, waza ngobusuku obandulela ukufa kwake wamisela ezimfihlakalo zingcwele, ukuze, sisamkela amalungelo en-Tlungu zake, sipilisiwe lu-Vuko lwake, sibe nobudlelane ngobu-Tixo bake, sizaliswe ngako konke ukuzala kuka-Tixo. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

Ngom-Hla we-Pasika, kude kufike um-Hla woku-Nyukela.

KOKO sifanele ukukubonga ngakumbì ngenxa yokuvuka okuzukileyo ko-Nyana wako u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu: kuba yena uyim-Vana yenyaniso ye-Pasika, eyanikelwa ngenxa yetu, yazisusa izono zelizwe; ote ngako ukufa kwake wakutshabalalisa ukufa, wati ngokuvuka kwake wasibuyisela ebomini bapakade. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

Ngom-Hla woku-Nyukela, kude kufike um-Hla we-Pentekost.

NGENXA yo-Nyana wako otandiweyo u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu: owati emva kokuvuka kwake okuzukileyo wabonakala kuba-Postile bonke, wati bekangele wenyukela ezulwini ukuya kusilungiselela indawo; ukuze apo akòna yena, sinyukele kona nati, silaule sinaye enywebeni. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

Ngom-Hla we-Pentekost, nangemihla emitandatu elandelayo.

NGO-YESU KRISTU i-Nkosi yetu; owati, emva kokunyukela kwake ngapezu kwawo onke amazulu wahlaliswa ngasekunene kobungangamsha bako, waza ngokwanjengelixesha watùlulela pezu kwabantwana bonyulo u-Moya wako oyi-Ngcwele ongumniki wobomi, ukuze ngamandla ake azukileyo uvuyo lwendaba ezilungileyo zapakade luvakaliswe kulo lonke ihlabati; esite ngazo sakùtshwa ebumnyameni nasekulahlekeni saziswa ekukànyeni okusulungekileyo nasekukwazini okuyinyaniso no-Nyana wako um-Sindisi wetu u-Yesu Kristu. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

Nge-Cawa yom-Triniti.

ONGU-TIXO omnye, oyi-Nkosi enye, uno-Nyana wako okupèla kozelweyo, no-Moya oyi-Ngcwele, ukwim-Milo n-Tatu yezimmo nakubo ubu-Nye bem-Mo; kuba oko sikòlwa kuko ngozuko lwako, Bawo, sikòlwa kwa kuko ngo-Nyana, nango-Moya oyi-Ngcwele, kungekò mahluko mhlaumbi kungalingani. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

Ngom-Hla wokwenziwa wakumila kumbì.

NGOKUBA uzuko luka-Lizwi wako owaba yinyama lwabengezela entabeni engcwele kumanqìna. obungangamsha bake, atyileka amandla kwa nokuza kobukumkani bake naba-Ngcwele bake ekukànyeni. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

    Ngom-Hla waba-Ngcwele bonke; nangemi-Hla yaba-Postile naba-Bàli be-Vangeli, nangom-Hla wokuzalwa kuka-Yohane um-Bàptizi (ngapandle kokuba ube um-Bongo womnye wemi-Gcobo emikulu umiselwa ukufundwa).

OTE kwaba-Ngcwele bako wasinika umzekelo wobomi bobu-Tixo nesiqiniselo esizukileyo setemba lobizo lwetu; ukuze, siraulwe lilifu elikulu lamanqìna, sibe nokulubaleka ngomonde ugqatso olubekwe pambi kwetu, size samkele kunye nabo isitsaba esizuki1eyo esingabuniyo. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

Ngoku-Kùmbula abangasekòyo.

NGO-YESU KRISTU i-Nkosi yetu, ozise ubomi nokungonakali ekukànyeni, ukuze tina, esixinzelelweyo ngumtwalo wezono nokufa, singabi lusizi njengabangenatemba; kuba siyazi ukuba, xana ite yacìtwa indlu yetu esemhlabeni engumnquba, sinesona sakiwo sisiso. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.

Ngo-Nikelo lwe-Kerike, okanye um-Kùmbulo wo-Nikelo.

OTI WENA uzamkele izindlu zasemhlabeni ezinikelwayo kulo igama lako, oti kuzo ubapòkozele abantu bako izipò zobabalo, nangani i-Zulu lamazulu lingakwanele, nozuko lwako lukulo lonke ihlabati. Ngako oko kunye ne-Ngelosi, etc.
 

Proper Prefaces

Makati um-Fundisi, xa axelayo ukuba um-Tendeleko uzakubakO, aqube esisi-Yalo silandelayo. Esisi-Yalo ke makasenze pambi kwemi-Gcobo emikulu, nangamanye amaxesha ngokutanda kwake.

BATANDWA, ngo— ndiyakuti ngoncedo luka-Tixo ndiyenzele bonke abayilungiselelweyo ngentliziyo nangokutandaza i-Sakramente yom-Zimba ne-Gazi lika- Kristu; eyakwamkelwa ngabo ukubakùmbuza ukubetelelwa kwake emnqamlezweni nokuva kwake ubunzima; esiti ngako sizixolelwe izono, senziwe sibe ngabamkeli bobukumkani bezulu.
    Ngako oko simelwe kubulela ngentliziyo yonke ku-Tixo u-Somandla u-Bawo wasezulwini, ngenxa yokuba esipìle u-Nyana wake um-Sindisi wetu u-Yesu Kristu, angabi ngowasifelayo nje kodwa, abe kukudla nokomelezwa kwemipefumlo yetu kuyo i-Sakramente leyo ingcwele; enditi, ngenxa ka-Tixo, ndinimemele kuyo nina nonke enikòyo apa, ate u-Tixo wanibiza ngokwake ngotando; ndiyaniqononondisa ukuba niwamkele lom-Tendeleko ungcwele, njengokuba nilutanda usindiso lwenu.
    Yinto elula emntwini ukuti, Andiz' ukwamkela, kuba ilizwe liyandipazamisa. Kodwa ke izilandulo ezilolohlobo azamkeleki ngokulula pambi ko-Tixo. Ke nawupina umntu otì, Ndingumoni olusizi, ke ngoko ndiyoyika ukuza: yinina ke ukuba ningaguquki nilungise? Ndiyanikùnga ke ngoko, ngenxa ye-Nkosi u-Yesu Kristu, ukuba ningali ukuza kule-Sakramente ingcwele esiti kuyo sidle i-Nyama ka-Kristu, sisele ne-Gazi lake ngokwasemoyeni, sibe kuye u-Kristu, no-Kristu abe kuti, sibe banye no-Kristu, no-Kristu abe mnye nati.
    Ke ngenxa yokuba simele ukuzamkela ezimfihlakalo zingcwele ngentliziyo eguqukayo nangokòlo olupilileyo, ngumsebenzi Wam ukuniqononondisa ukuba nikùmbule ubukulu balemfihlakalo ingcwele, nicinge nangendlela ati u-Paulos o-Ngcwele abaqononondise bonke abantu ukuba bazivavanye ngokwabo ngokucokisekileyo pambi kokuba badle kwesosonka, basele kulondebe. Zigwebeni ke ngoko ngokwenu, bazalwana, ukuze ningagwetywa yi-Nkosi; zivavanyeni ngokwenu ngokommiselo wemiteto ka-Tixo; yibani nokòlo olupilileyo olute-bùxe ku-Kristu um-Sindisi wetu, bupònongeni ubomi benu, nibe nokutandana nabantu bonke; naye niyakuba ngahamkeli abafanelekileyo bezimfihlakalo zingcwele.
    Nize niti nakubona ukuba animonanga yedwa u-Tixo, nisuke nona nabantu, yiyani nixolelane nabo; nizimisele ukuba niyakubalungisela ngako konke eninako ezintweni zonke enite nabona ngazo, nibabuyisele. Ze niti kanjalo nizimisele ukubaxolela abanonileyo, njengokuba nani ninga ningazixolelwa iziposo zenn ngu-Tixo.
    Nangenxa yokuba umntu engenakuza em-Tendelekweni ongcwele ongatembi kanye ubnbele buka-Tixo, ontliziyo yake ikatazekileyo; ukuba kukò owakuni ontliziyo yake ingavumiyo ukututuzeleka, ofuna olunye uncedo, namanye amacebo, makeze kum, ati mhlaumbi aye komnye um-Priste, amxelele usizi lwake, aze ati ngokusetyenzelwa lili-Zwi lika-Tixo azuze uncedo lokukùlulwa, ndawonye nokululekwa kompefum1o wake, kuze kuxole intliziyo yake, luticwaka uvalo lwake.
 

Exhortation

Asisayi kwenziwa isi-Dlo se-Nkosi ngapandle kokuba kube kuko omnye owamkela nom-Priste.

Apo kukò iqela laba-Priste nama-Dikoni bayakuwamkela bonke um-Tendeleko kunye nom-Priste i-Cawa nge-Cawa, ukuba abanasizatu sibatintelayo.

Ukuze kungabikò nkani nangcinga zimbi malunga nesonka ne-wayine, kwanele ukuba isonka sibe sesidliwa ngabantu; siti kodwa sibe sesenqòlowa eyona intle icolekileyo, engaxutywanga nanto.

Ukuba isonka esingcwalisiweyo nokuba yi-wayine ipèlile bengekamkelì bonke, um-Priste makangcwalise ngapezulu, (a) isonka ne-wayine, ewapinda amazwi om-Tandazo woku-Ngcwalisa, eqala ngo: “Sipulapule, siyakukùnga silulamile, Bawo onenceba,” apèle ngo: “nangentsikelew yasezulwini”; mhlaumbi (b) ngalawo okungcwalisa isonka okanye i-wayine ase-Ncwadini yom-Tandazo.

Ukuba kukò okuseleyo kwisonka ne-wayine koko kungcwalisiweyo, akusokupunywa nako e-Kerikeni, kodwa kuyakudliwa kuselwe ngentobeko ngum-Priste, nabayakuti ababizele kuye: ngapandle kokuba kube kulungiselelwe ngendlela yimbi kwisi-Miselo sokwamkeliswa kwabafayo.

Isonka ne-wayine zom-Tendeleko ziyakufunwa ngum-Fundisi nama-Gosa e Kerike ngemali einelwe kurolwa ngabantu.

Kuyimfanelo yomamkeli ukuti axike ukuyamkela i-Sakramente e-Ngcwele, ngokukodwa ngayo yonke imi-Gcobo emikulu ye-Kerike, eti ibe ngomnye wayo i-Pasika. Umamkeli we-Kerike yeli Pòndo unyanzelwe ngumteto we-Kerike ukuba amkele umleko ongcwele katatu enyakeni ubuncinane.

Iminyaka yonke ngexesha Ze-Pasika bonke abantu mabarole imirumo yabo kum-Fundisi, kolaulayo, okanye kumncedisi, okunye kwibamba lake, okanye labo; bahlaule kuye, okanye kubo, zonke imali ze-Kerike ekulisiko ukuzihlaula ngoko nangeloxesha.

Yakugqitywa in-Konzo engcwele imali yo-Nikelo iyakucìtelwa imisebenzi etile efanelekileyo, ngokubona kom-Fundisi nama-Gosa. Ukuba abavumelani, wogweba u-Bishop.

Ngemihla ekusetyenzwa ngayo, ingeyiyo yemi-Gcobo, ing-Xelo yo-Kòlo no-“Uzuko ku-Tixo opezulu” zingayekwa ngemvume ka-Bishop, nokulandelayo kube sendaweni yesi-Vumo sez-Ono nesi-Kùlulo esi-LUNGISELELWENI (ipèpà 13):

    Um-Priste nabantu. Siyavuma ku-Tixo u-Somandla, u-Yise, u-Nyana, no-Moya oyi-Ngcwele, okokuba sonile ngengcinga, ngamazwi, nangezenzo, ngetyala letu elikulu. Ke ngoko siyamtandaza u-Tixo ukuba asipate ngenceba.

    Um-Priste. U-Tixo u-Somandla makanenzele inceba, anixolele zonke izono Zenu, anihlangule kuko konke ukungalungisi, aniqinise anomeleze kubo bonke ubulungisa, ade anizise ebomini bapakade. Amen.

Final rubrics

 

Return to the 1662 Book of Common Prayer in Xhosa

Web author: Charles Wohlers U. S. EnglandScotlandIrelandWalesCanadaWorld