Seal of the Church in the Province of Southern Africa The Book of Common Prayer
United States England Scotland Ireland Wales Canada World

    The Book of Common Prayer (1662)
in Xhosa

 

UMTANDAZO WANGOKUHLWA
WEMIHLA NGEMIHLA.


Ekuqaleni kom-Tandazo wanga-Kuhlwa u-Mfundisi makafunde ngezwi elivakalayo sibe sinye nokuba kungapezulu kwezi-Zahlukwana. Andul' ukuteta okubàliweyo emva kwazo.

UMNTU okohlakeleyo akuguquka enkohlakalweni yake ayenzileyo, enze ngokomteto nokulungileyo, wowusindisa umpefumlo wake.    U-Hezekeli xviii. 27. 
    Ndiyazivuma izigqito zam, isono sam sihleli sipambi kwam. I-Ndumiso li. 3.                                                              
    Sitelisa ubuso bako ezonweni zam, ubucime bonke ubugwenxa bam.    I-Ndumiso li. 9.
    Amadini ka-Tixo ngumoya owapùkileyo: intliziyo eyapùkileyo etyumkileyo akuyikuyidela, Tixo.    I-Ndumiso li. 17.
    Razulani intliziyo Zenu, ingabi zingubo zenu, nibuyele e-Nkosini u-Tixo wenu: kuba enofefe, enemfesane yena, equmba kade, enenceba enkulu, ezohlwaya ngenxa yobubi.    U-Yoweli ii. 13.
    Enkosini u-Tixo wetu yimfesane noxolelo, nakuba simonile: asipulapulanga izwi le-Nkosi u-Tixo wetu, ukuba sihambe ngemiyalelo yake ayibeke pambi kwetu.    U-Daniyeli ix. 9, 10.
    Nditetise, Nkosi, kodwa makube ngokomteto. kungabi ngomsindo wako, hleze unditshabise.    U-Yeremiya x. 24.  I-Ndumiso vi. 1.                                
    Guqukani, kuba ubukumkani bezulu busondele.    U-Mateyu Ongcwele iii. 2.                          
    Ndiyakusuka ndiye kubawo, nditi kuye, Bawo, ndonile kulo izulu nasemehlweni ako, andisafanele kubizwa ngokutìwa ndingunyana wako.    U-Luka Ongcwele xv. 18, 19.
    Zungasisi ematyaleni isicaka sako, Nkosi; ngokuba pambi kwako akukò namnye uhleliyo olilungisa.    I-Ndumiso cxliii. 2.
    Ukuba sitì asinasono, siyazilahlekisa, inyaniso ayikò kuti: ukuba siyazixela izono, unokutembeka elilungisa lokusixolela izono, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.    1 Ka-Yohane Ongcwele i.. 8, 9.

BATANDWA, kutìwa ezi-Bàlweni kwindawo ngendawo masivume sizixele izono zetu ezininzi nenkohlakalo yetu; singazifihli ku-Tixo u-Somandla u-Bawo wetu wasezulwini, kodwa sizixele ngentliziyo elulamileyo, eguqukayo, evayo; ukuze sizixolelwe ngenxa yenceba yake engapèliyo. Nangona sifanele ukuzivuma izono zetu ngolulamo pambi ko-Tixo ngamaxesha onke, simelwe kukwenjenjalo ngokukodwa manxa sihlangeneyo size kubulela intsikelelo esizifumeneyo kuye, sivakalise udumo lwake, silive i-Lizwi lake elingcwele, sicele okulungele umzimba nompefumlo. Nditì ngoko kuni nonke bakòyo, ndipelekeni ngentliziyo enyanisekileyo nangelizwi elibekekileyo, siye sizitobe pambi ko-Bawo onofefe, siti sonke;
 

Evening Prayer

Ukuvunywa kwezono okutetwa yintlanganiso, yonke emva ko-Mfundisi, beguqile bonke.

BAWO Somandla, Olufefe lukulu; Sipambukile salahlekana nendlela zako njengegusha ezilahlekileyo. Sigqitisile ukulandela amaqìnga neminqweno yentliziyo zetu. Siyapùle imiteto yako engcwele. Siziyekile asazenza izinto ebesifanele ukuzenza; Senza izihto ebesingafanele ukuzenza; Akukò kupila kuti. Kodwa wena, Nkosi, yiba netaru kuti tina boni balusizi. Banyamezele, Tixo, abazixelayo izipòso zabo. Babuyisele abaguqukayo ; Ngokwezitembiso zako ezishunyayelweyo ebantwini ngaye u-Kristu Yesu i-Nkosi yetu. Uz' uti, Bawo otaru likulu, wenze ngenxa yake; Okokuba siti ukususela koku, sihlale ngokumkonza u-Tixo, Ngokulungileyo, nangobuncàtu, Kuze kudunyiswe i-Gama lako elingcwele. Amen.
 

Confession
Ilizwi loku-Kululwa kwezono elitetwa ngum-Priste yedwa, emi, abantu besaguqile.

U-TIXO u-Somandla, u-Yise we-Nkosi yetu u-Yesu Kristu, ongakutandiyo ukufa komoni, kodwa otanda. ukuba aguquke enkohlakalweni yake, apile; owanika ,aba-Fundisi bake igunya nomyalelo wokushumayela ebantwini bake, beguqukile, ukukùlulwa nokuxolelwa kwezono zabo: Yena uyabaxolela abakùlule bonke abaguqukayo ngenyaniso, bekòlwa ngokwenene yi-Vangeli yake engcwele. Ngoko masimtandaze ukuba asipè inguquko eyinene nö-Moya wake Oyingcwele, ukuze oko sìkwenzayo kaloku-nje kutandeke kuye; buze ubomi betu emva koku bube msulwa, bube ngcwele; siti ekugqibeleni singene enywebeni yake yapakade; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu.
 

Absolution

Andule u-Mfundisi aguqe atete um-Tandazo We-Nkosi ngezwi elivakalayo; abantu besaguqile, bawutete kunye naye.

BAWU wetu osezulwini, Malingcwaliswe i-Gama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, Njengokuba isenziwa ezu1wini. Sipè namhla-nje isonka setu semihla ngemihla. Usixolele izono zetu, Njengokuba nati sibaxolela. abasonayo. Ungasingenisi ekuhendweni; Usisindise enkohlakalweni: Ngokuba ubukumkani bobako, Namandla, nodumo, Ngonapakade. Amen.

Aze ati,

    Nkosi, vula imilomo yetu.
Abantu. Ize ivakalise indumiso yako.
Um-Priste. Tixo, kàuleza ukusisindisa.
Abantu. Nkosi, kauleza ukusisiza.

Aze atì um-Priste, bemi bonke,

    Udumo ku-Yise, naku-Nyana: naku-Moya Oyingcwele;
    Abantu. Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.
    Um-Priste. Bongani i-Nkosi.
    Abantu. MalibOngwe i-Gama le-Nkosi.

Kwandul' ukutetwa, okunye kuculwe, i-Ndumiso ngokumiswa kwazo. Kulandele ,isi-Fundo esimisiweyo sitatyatwa e-Testamenteni e-Ndala. Kulandele ke i-Ngoma ye-Ntombi engcwele u-Mariya, etì.
 

Lord's Prayer

U-Luka Ongcwele i.

UMPEFUMLO wam uyayibpnga, i-NkoSi : nomoya wam ugcobele ku-Tixo u-Msindisi Wam.
    Ngokuba ekukangele : ukutobeka kwesicakazana sake.
    Ngokuba kususela koku : zonke izizukulwana ziyakutì ndingonetamsanqa.
    Ngokuba u-Somandla wandenzela izinto ezinkulu : lingcwele i-Gama lake.
    Itaru lake likwabamoyikayo : kuzo zonke izizukulwana.
    Wavelisa amandla, ngengalo yake: wabacìtacìta abaneratshi ekucingeni kwentliziyo zabo.
    Wabawisa esihlalweni sabo abanamandla : wabapakamisa abatobekileyo.
    Wabahlutisa ngento ezilungileyo abalambileyo : wabimdulula abazityebi bengenanto.
    Wati ngokukiunbula itaru lake, wasisiza isicaka sake u-Sirayeli : njengoko watetayo kobawo, ku-Abraham nenzala yake ngonapakade.
    Udumo ku-Yise, naku-Nyana: naku~Moya OYingcwele;
Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla : kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.

Okunye le-Ndumiso, ukuba asinguwo umhlta weshurmi elinesitoba wenyanga, eti ngawo itetwe kwi-Ndumiso endaweni yayo.
 

Magnificat (Luke 1:46)
I-Ndumiso xcviii.

VUMELANI I-NKOSI ingoma entsha: ngokuba yenze imimangaliso.
    Isandla sayo sokunene, nengalo yayo engcwele: iyizuzele uloyiso.
    I-NKOSI ilwazisile usindiso lwayo: ubulungisa bayo ibutyilile emehlweni entlanga.
    Ikùmbule inceba yayo nokunyaniseka kwayo kwindlu ka-Sirayeli: zonke izipèlo zomhlaba zilubonile usindiso lo-Tixo wetu.
    Vumelani I-NKOSI, nonke nina mihlaba: culani, nimemelele ngovuyo, nidumise.
    Yibeteleni I-NKOSI uhadi: uhadi nelizwi lendumiso.
    Ngamaxilongo nangezwi lesigodlo: dumani pambi kwe-NKOSI u~Kumkani.
    Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo: elimiweyo nabemi balo.
    Imilambo mayibete izandla, nentaba zimemelele kunye pambi kwe-NKOSI: ngokuba isiza kugweba umhlaba.
    Iyakugweba elimiweyo ngobulungisa: nezizwe ngokulungileyo.
    Udumo ku-Yise, naku-Nyana: naku~Moya Oyingcwele:
    Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.

Kulandele isi-Fundo esimiselweyo, sitatyatwa kwi-Testamente e-Ntsha. Emva koko i-Ngoma. ka-Simon etì:
 

Psalm 98
U-Luka Ongcwele ii. 29.

NKOSI,kaloku uyasindulula isicaka sako ngoxolo: ngokwelizwi lako.
    Kuba amehlo am: elubonile usindiso lwako,
    Olulungisileyo: ebusweni bezizwe zonke;
    Lusisikanyiso sokukanyisela intlanga: udumo lwabantu bako aina-Sirayeli.
    Udumo ku-Yise, naku-Nyana: naku-Moya Oyingcwele;
    Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.

Okunye le-Ndumiso, ukuba asinguwo umhla weshumi elinesibini wenyanga.
 

Nunc Dimittis, Luke 2:29

I-Ndumiso lxvii.

NGAMANA u-Tixo wasibabala inceba, wasisikelela: wasibonisa ukukànya kobuso bake.
    Ukuze indlela yako yaziwe emhlabeni: usindiso lwako ezintlangeni zonke.
    Izizwe mazikubulele, Tixo: zonke izizwe mazikubulele.
    Intlanga mazivuye zimemelele: ngokuba uyakuzigweba izizwe ngokute-tye, uzilaule intlanga ezisemhlabeni.
    Izizwe mazikubulele, Tixo: zonke izizwe mazikubulele.
    Umhlaba uyivelisile indyebo yawo: u-Tixo, u-Tixo, wetu, uyakusisikelela.
    U-Tixo uyakusisikelela: zaziyakuti zonke izipèlo zomhlaba zimoyike.
    Udumo ku-Yise, naku-Nyana: naku-Moya Oyingcwele;
    Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.

Kuculwe, okunye kuteiwe, i-Ngxelo yo-Kòlo yaba-Postile ngu-Mfundisi nabantu, bemi.
 

Psalm 67.
NDIYAKOLWA ku-Tixo u-Yise u-Somandla, u-Mdali wezulu nomhlaba:
    Naku-Yesu Kristu okupèla ko-Nyana wake, i-Nkosi yetu, Owakàulwa ngo-Moya Oyingcwele, Wazalwa yi-Ntombi u-Mariya, Weva ubunzima ngo-Pontiyus Pilato, Wabetelelwa emnqamlezweni, wafa, wancwàtywa, Wehlela kwelabafileyo : Wabuya wavuka kwabafileyo ngomhla wesitatu, Wenyukela ezulwini, Uhleli ngasekunene kuka-Tixo u-Yise u-Somandla; Apo ayakubuya evela kòna agwebe abahleliyo nabafileyo.
    Ndiyakòlwa ku-Moya Oyingcwele; i-Kerike engcwele eyi-Katolika; Ubudlelane babangcwele; Ukuxolelwa kwezono; Ukuvuka komzimba ekufeni; Nobomi bapakade. Amen.

Bandule baguqe bonke, kulandele lemitandazo; u-Mfundisi aqale ati, ngelizwi elivakalayo,

I-Nkosi maibe nani.
Abantu. Ibe nomoya wako.
Um-Fundisi. Masitandaze.

Taru, Nkosi.
       Taru, Kristu.
Tarn, Nkosi.

Kwandul' ukutetwa um-Tandazo we-Nkosi ngu-Mfundisi nangabantu, ngokuvakalayo.
 

Apostles' Creed

BAWU wetu osezulwini, Malingcwaliswe i-Gama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, Njengokuba isenziwa ezu1wini. Sipè namhla-nje isonka setu semihla ngemihla. Usixolele izono zetu, Njengokuba nati sibaxolela. abasonayo. Ungasingenisi ekuhendweni; Usisindise enkohlakalweni: Ngokuba ubukumkani bobako, Namandla, nodumo, Ngonapakade. Amen.

Ati um-Priste, emi,

        Nkosi, sibonise ububele bako.
    Abantu. Usipè usindiso lwako.
    Um-Priste. Nkosi, sindisa u-Kumkani.
    Abantu. Usive ngetaru sakuzibika kuwe.
    Um-Priste. Yambesa aba-Fundisi bako ngobulungisa.
    Abantu. Uvuyise abantu bako abanyuliweyo.
    Um-Priste. Nkosi, sindisa abantu bako.
    Abantu. Ulisikelele ilifa lako.
    Um-Priste. Sipè uxolo ngexesha letu, Nkosi.
    Abantu. Ngokuba kungekò wumbì usilwelayo, nguwe wedwa, Tixo.
    Um-Priste. Tixo, dala pakati kwetu intliziyo ezingcwele.
    Abantu. Ungamsusi kuti u-Moya wako Oyingcwele.

Kulandele imi-Tandazwana emitatu, owokuqala, ngowalomhla ukòyo: owesibini, owoxolo; owesitatu, owokusizwa ezingozini zonke. Lemibini yokugqibela mayitetwe imihla yonke em-Tandazweni wango-Kuhlwa.
 

Lord's Prayer & Suffrages
Owesibini um-Tandazwana.

TIXO, ekuvela kuwe yonke iminqweno engcwele, namacebo angawo, nezenzo zonke ezilungileyo; Sipè tina bantu bako oloxolo singenakulunikwa ngumhlaba; ukuze intliziyo. zetu zimiselwe ekuyibambeni imiteto yako, silondolozwe ezintshabeni zetu, sihlale ngokuzola nangokupumla; ngenxa yemfaneleko ka-Yesu Kristu u-Msindisi wetu. Amen.
 

Second Collect
Owesitatu um-Tandazwana, owokusizwa ezingozini zonke.

BUKANYISE ubumnyama betu, siyakukùnga, Nkosi, uti ngetaru lako elikulu usilondoloze ezingozini zonke zobubusuku; ngenxa yotando lokupèla ko-Nyana wako emnye, u-Yesu Kristu u-Mkùluli wetu. Amen.

Apo kuculwayo, kuZandela i-Culo.
 

Third Collect, for Aid against all Perils
Owokutandazela u-Kumkani.

NKOSI, Bawo wasezulwini, Opezulu, Omandla makulu, Kumkani wokumkani, Nkosi yenkosi, okupèla ko-Mlauli wezilauli, oti, use-troneni yako, ubone bonke. abemi bomhlaba; Siyakutandaza ngentliziyo yonke, ukuba ukangele ngobubele u-Kumkani wetu u-GEORGE, umgalele ngo-Moya wako Oyingcwele, ukuze ahlale ebèka entandweni yako, ahambe ngendlela yako: Mtyebise kakulu ngezipò zasezulwini; menze ukuba ahlale ngokupila nangokonwaba; momeleze azoyise zonke intshaba zake; ati ekugqibeleni angene enywebeni yapakade; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

Prayer for the King
Owokutandazela usapo lo-Kumkani.

TIXO Somandla, Mtombo wako konke ukulunga, siyakukùnga ngolulamo ukuba usikelele u-Kumkanikazi wetu u-Elizabeth, u-Mary u-Nina wo-Kumkani, in Kosazana u-Elizabeth: Bambese ngo-Moya wako Oyingewele; batyebise ngofefe lwako lwasezulwini; batamsanqele ngayo yonke inyweba; ubangenise ebukumkanini bako bapakade; ngaye u-Yesu Kristu i-Nkosi yetu. Amen.
 

Prayer for the Royal Family
Owokutandazela aba-Fundisi nabantu.

TIXO Somandla Ongunapakade, okupèla kowenza imimangaliso emikulu; Galela o-Bishop naba-Fundisi, na-Bantu abapàtiswe bona, ngo-Moya wako opilisayo; nokuze bakukòlise kanye, uhlale ugalela pezu kwabo umbete wetamsanqa lako. Kwenze oku, Nkosi, ngenxa yo-Mteteleli no-Mtandazeli wetu u-Yesu Kristu. Amen.
 

Prayer for Clergy & People
Umtandazo ka-Krisostome.

TIXO Somandla, osipìleyo ufefe ukuba siti ngantliziyonye siyisingisele kuwe imitandazo yetu; nositembisayo ukuba woti kwakubutana babini, batatu, e-Gameni lako ubenzele izicelo zabo: Zenze kaloku, Nkosi, izicelo zezicaka zako, njengoko kulungele zona; usipè kwelilizwe. ukuyazi inyaniso, yako, nakwelizayo ubomi obungunapakade. Amen.

2 Kwabase-Korinte xiii.

UFEFE lwe-Nkosi. yetu u-Yesu Kristu, notando luka-Tixo, nobudlelane bo-Moya Oyingcwele, malube nati sonke ngonapakade. Amen.

Upèla apa um-Tandazo wango-Kuhlwa.


 

Prayer of St. Chrysostom
EMTANDAZWENI WAKUSASA,

Ngemihla emikulu, eyilè: Umhla we-Kristmas, owe-Epifani, oka-Matiyas Ongcwele, owe-Pasika, owoku-Nyukela kwe-Nkosi, owe-Pentekost, oka-Yohane u-Mbaptizi Ongcwele, bka-Yakobi Ongcwele, oka-Bartolomeyu Ongcwele, oka-Mateyu Ongcwele, oka-Simon Ongcwele noka-Yuda Ongcwele, oka-Andreya Ongcwele, nange-Cawa yo-Mtriniti, kovunywa okunye ketetwe em-Tandazweni wa-Kusasa, endaweni ye-Ngxelo yo-Kòlo yaba-Postile le-Ngxelo yenkolo yobu-Kristu betu ekukòliswa ukutìwa yeka-Athanasius; ngu-Mfundisi nangabantu, bemi.

 
QUICUNQUE VULT.

ONGA angasinda: pambi kwento zonke makakòlwe yi-Nkolo eyi-Katolika.
    Lenkolo ke uyakuti wonke ubani owoba engayibambanga iyonke, ingangxengelelwe: ngokungatandabuzekiyo wotshabalala ngonapakade.
    Inkolo eyi-Katolika yilè: yokuba sinqule u-Tixo omnye ommilo zintatu, nommilo ntatu zingu-Tixo omnye.
    Singazidibanisi immilo: singayahluli immo.
    Kuba iyodwa immilo yo-Yise, iyodwa eyo-Nyana; iyodwa eyo-Moya Oyingcwele.
    Kanti ke ubu-Tixo bo-Yise, nobo-Nyana, nobo-Moya Oyingcwele bunye: ubuqaqauli buyalingana, nobukulu bunye bungunapakade.
    Into ayiyo u-Yise, ukwayiyo no-Nyana: ukwayiyo no-Moya Oyingcwele.
    U-Yise akadaliwe, u-Nyana akadaliwe: u~Moya Oyingcwele akadaliwe.
    U-Yise akanamlinganiselo, u-Nyana akanamlinganiselo: u-Moya Oyingcwele akanamlinganiselo.
    U-Yise ungunapakade, u-Nyana ungunapakade: u-Moya Oyingcwele ungunapakade.
    Kanti Onapakade ababatatu: kodwa ngunapakade mnye.
    Kwa njengokuba bengebatatu abangenamlinganiselo, bengebatatu abangadaliweyo: kodwa ngongadaliweyo mnye, ngongenamlinganiselo mnye.
    Ngokunjalo u-Yise ngu-Somandla, u-Nyana ngu-Somandla: u-Moya Oyingcwele ngu-Somandla.
    Kanti o-Somandla ababatatu: kodwa ngu-Somandla omnye.
    Ngokunjalo ke u-Yise ngu-Tixo, u-Nyana ngu-Tixo: u-Moya Oyingcwele ngu-Tixo.
    Kanti o-Tixo ahabatlitu: kodwa ngu-Tixo omnye.
    Ngokunjalo ke u-Yise uyi-Nkosi, u-Nyana uyi-Nkosi: u-Moya Oyingcwele uyi-Nkosi.
    Kanti asizizo i-Nkosi ezintatu: kodwa yi-Nkosi inye.
    Kuba njengokuba sinyanzelwe yinyaniso yobu-Kristu: ukuba sivume ukuba ileyo immilo ingu-Tixo, ileyo iyi-Nkosi;
    Kwa ngokunjalo asivunyelwa yi-Nkolo eyi-Katolika: ukuba sitì o-Tixo batatu, i-Nkosi zintatu.
    U-Yise akenziwanga bani: akadalwanga, akazalwanga.
    U-Nyana ngoka-Yise yedwa: akenziwanga, akadalwanga, uzelwe.
    U-Moya Oyingcwele ngoka-Yise no-Nyana: akenziwanga, akadalwanga, akazalwanga, upuma kubo.
    Ngoko mnye u-Yise, ababatatu o-Yise; mnye u-Nyana, ababatatu o-Nyana: mnye u-Moya Oyingcwele, ababatatu o-Moya abayingcwele.
    Nakulo-Mtriniti . aktukò upambili nongasemva komnye: akukò ungapezulu nongapantsi komnye.
    Kodwa immilo zontatu ziyalingana: zihleli zikò zontatu.
    Ngoko ezintweni zonke, njengokuba sekutshiwo: makunqulwe u-Tixo omnye ommilo zintatu,nommilo ntatu zingu-Tixo omnye.
    Ngoko ke onga angasinda ke: makabuqonde njalo ubu-Triniti.
    Kananjalo makati lowo unga angasinda: alungise ukukòlwa kukwenziwa abe ngumntu kwe-Nkosi yetu u-Yesu Kristu.
    Kuba i-Nkolo eyinyaniso yilé, yokuba sikòlwe, sixele: ukuba i-Nkosi yetu u-Yesu Kristu, u-Nyana ka-Tixo, ingu-Tixo, ingumntu;
    Ngu-Tixo, obummo wabuzekela ku-Yise, ezelwe pambi kwamapakade: ngumntu, obummo wabuzekela ku-Nina, ezelwe emhlabeni.
    Engu-Tixo onguye kanye, engumntu onguye kanye: enompefumlo onengqondo, enomzimba womntu;
    Elingana no-Yise ngobu-Tixo bake: engapantsi ko-Yise ngobuntu bake.
    Ote, noko engu-Tixo, engumntu: akababini, ngu-Kristu omnye;
    Emnye, kungengakuguqulwa kwabu-Tixo bube bubuntu: kodwa ngokungeniswa kobuntu ku-Tixo;
    Emnye kanye, kungengakudityaniswa kwabummo nobu-Tixo: kungokuba immilo yake inye.
    Kuba njengokuba umpefumlo onengqondo nomzimba zingumntu omnye: ngokunjalo u-Tixo nomntu ngu-Kristu omnye;
    Oweva ubunzima ngenxa yosindiso lwetu: wehlela kwelabafileyo, wabuya wavuka kwabafileyo ngomhla wesitatu.
    Wenyukela ezulwini, uhleli ngasekunene kuka- Yise, u-Tixo u-Somandla: apo ayakubuya evela kòna; abe ngu-Mgwebi wabahleliyo nabafileyo.
    Ekuyakuti ekuiikeni kwake babuye bavuke bonke abantu benemizimba yabo: benze ingxelo yemisebenzi yabo;
    Baze abalungisileyo badle ubomi bapakade: bati abonileyo baye emlilweni wapakade.
    Yiyo le ke i-Nkolo eyi-Katolika: ayakuti owoba engakOlwanga yiyo ngokuqinisekileyo angabinakusindiswa.
    Udumo ku-Yise, naku-Nyana: naku-Moya Oyingcwele;
    Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.

Athansian Creed
(Quicunque vult)

 

Return to the 1662 Book of Common Prayer in Xhosa

Web author: Charles Wohlers U. S. EnglandScotlandIrelandWalesCanadaWorld